Usezakuhlala eziseleni uNandipha okwangoku

Iveliswe yiGroundUp

Utata kaNandipha Madugumana uZolile Sekeleni unikwe ibheyile yeR10 000 yinkundla kaMantyi yaseBloemfontein ngoMvulo, kodwa uMadugumana, uSenohe Matsoara kunye noTeboho Lipholo bazakuhlala eluvalelweni. 

Baza kuhlala ngaphaya kwezitshixo de kube ngumhla wesi-3 nowe-4 kuCanzibe, apho izicelo zabo zebheyile zizakjuviwa ngokusemthethweni. 

UMatsoara wayesakuba ligosa lezokhuseleko le-G4S kwintolongo yaseMangaung ngelixa uLipholo wayesakuba ngumqeshwa othembekileyo kwinkampani egcina iikhamera zokucupha kwintolongo yaseMangaung. 

Bobabini babesemsebenzini ngemini yomlilo. 

Samsung Galaxy 14G

Iinkqubo ziye zalibaziseka kancinane ngenxa yokucinywa kombane. 

Umtshutshisi uSello Matlhoko uxelele inkundla ukuba umbuso awuyichasi ibheyile kaSekeleni 

kodwa uyabachasa abanye abathathu abatyholwa. 

Bajongene namatyala amaninzi aquka ukubulala kunye nokunceda uThabo Bester ukuba aqhweshe entolongweni. 

Igqwetha likaSekeleni, uThemba Diba, ugxininisile enkundleni ukuba bobabini bavumelene ngebheyile kaSekeleni. Ityala lakhe lizakuchotshelwa ngomhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe xa eza kuvela noBester. 

UMadugumana ubenxibe ijezi enomnqwazi kunye nesifonyo esingu-N95 sokuvala ubuso bakhe kwindawo ebigadwe kakhulu inkundla. Umantyi umcele ukuba asuse isifonyo ukuze abonise ubuso bakhe ukuze akwazi ukuqinisekiswa. 

Emva kokuba uDiba engakhange aphumelele ukuzama ukukholisa umantyi ngenye indlela, uMadugumana ukhawuleze wasisusa isifonyo sakhe ngaphambi kokuba asinxibe kwakhona. 

ULipholo akanalo igqwetha kude kube ngoku kodwa uzakumelwa ligqwetha leLegal Aid. 

Umfanekiso ongasentla: UZolile Sekeleni uthuthuzela uNandipha Madugumana kwinkundla kaMantyi eBloemfontein ngoMvulo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe