
Ngu Buziwe Nocuze
Owayesakuba litshantliziyo lolutsha lweANC uLoyiso Nkohla udutyulwe wabulawa ngaphakathi kwisikhululo samapolisa ePhilippi kufutshane nesikhululo sikaloliwe malunga necala emva kwentsimbi yeshumi kusasa ngoMvulo.
UNkohla, obeyinkokeli yombutho iSes’khona People’s Movement, ebezimase indibano nabahlali bamatyotyombe abahlala kumzila kaloliwe. IPrasa ijonge ukubuyisela iinkonzo zikaloliwe kwindawo kwaye uNkohla ubebandakanyeka kwiingxoxo zokususa abahlali kulomzila.
Intlanganiso ibingekaqalisi ngethuba kusithi gqi amadoda amathathu. Ngokutsho kwamangqina, amabini ahlala ngaphandle kwesikhululo samapolisa ngelixa owesithathu engena ngaphakathi. UNkohla wadibana nale ndoda ngaphandle kwegumbi apho intlanganiso ibibanjelwe khona yaza le ndoda yavulela ngembumbulu, utshilo ozibonele ngamehlo.
UNkohla wabulawa kwaye abantu abathathu bonzakele ngenxa yemvula yeembumbulu ebezihamba hamba.
Emva kwexesha ngoMvulo, abahlali basematyotyombeni babukele belusizi njengoko abezobuchwepheshe kulwaphulo mthetho belungisa indawo yexhwayelo apho abulawelwe khona uNkohla.
Uninzi beluxhwalekile kukuba umntu obelwela abahlali basematyotyombeni akasekho. ULizalise Mtongana ongomnye wabahlali uthe, “Ngubani oza kulwela indawo yokuhlala iinkampu ngoku? Bekutheni ukuze babulale umntu olwela amahlwempu nabantu abahlelelekileyo?”
UNkohla ebengomnye wabantu ebesebenza ukususa abahlali abahleli kumzila osembindini.
Uceba wale wadi uLindikhaya Payi obesebenza noNkohla uvakalise inkxalabo yokuba nkqubelaphambile izakuma ngokusweleka kwakhe.
UNamhla Ngundze, ongumhlali ophuma kwindawo yamatyotyombe iCovid squatter camp, uvakalise umbulelo wakhe ngenkxaso kaNkohla, esithi, “UNkohla wasilwela. Sasineziganeko ezininzi apho amagosa omthetho ayefika aqale ukudiliza amatyotyombe ethu, kodwa ukusukela oko wabandakanyekayo sabona ezimbalwa kwezo ziganeko, kwaye sihlala kwindawo yethu ngoxolo. ”
UNkohla ubesaziwa kakhulu ngesiganeko kwiminyaka elishumi eyadlulayo ngethuba yena namanye amatshantliziyo bathabatha izindlu zangasese eziphathwayo ukusuka kumatyotyombe ukuya kwisikhululo seenqwelomoya saseKapa kunye nezinye iindawo. Wabizwa ngokuba “ngulahli welindle” emva kwesiganeko.
Iindaba zokubhubha kukaNkohla zisothuse uluntu ngokubanzi, uninzi lwabantu bevakalisa amazwi ovelwano kumakhasi onxibelelwano.
Omnye umntu wabhala: “Lusuku olulusizibantu baseKapa, siphulukene nenkokeli eyayisilwela amalungelo oluntu oluhlwempuzekileyo nabajongelwe phantsi.”
Isithethi seSAPS eNtshona Kapa, uWarrant Officer Joseph Swartbooi, uthe iimeko ezijikeleze esi sehlo zisaphandwa.
“Abarhanelwa abangaziwayo babalekile kwindawo yexhwayelo kwaye abakabanjwa, kunye nesizathu sohlaselo siseza kuqinisekiswa.”
Umfanekiso ongasentla: Ukusweleka ngesiquphe kukaLoyiso Nkohla yilahleko enkulu kubahlali beendawo zokuhlala
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze