
Ngu Anita Dangazele
Ingxowamali ye-Inshurensi yabangaphangeliyo (iUIF) ihlawule iR64 billion kubasebenzi kulo lonke eli njengenxalenye yenkqubo yexeshana yeCovid-19 ukunceda umqeshi nomsebenzi (iTers).
Umkomishinala we-UIF uTeboho Maruping udize oku ngethuba lesidlo sakusasa kwiseshoni nabaqeshi eGqeberha ngoMvulo.
UMaruping ukwadize ukuba kukho inani elothusayo labaqeshi baseGqeberha abangayenziyo into yokubhengeza kwaye bahlawule imirhumo ye-UIF kubasebenzi babo ngelixa befaka imirhumo kwimivuzo yabo.
UMaruping uthe kungenxa yoku okubangele isebe lakhe libone imfuneko yokusingatha iiseshoni zabaqeshi ukuze bafundise malunga nenzuzo yokuthobela imiqathango yesikhokelo sabasebenzi.
“Omnye wemingeni esijongene nayo nabaqeshi kukuba bayabhalisa kwaye batsale imali yemirhumo evela kwimivuzo yabasebenzi, kodwa abayihlawuli kwi-UIF. Iba lusizi imeko xa umqeshwa kufuneka ajikiswe ngenxa yokuba iirekhodi zabo azifumaneki,” utshilo.
UBelinda Brown, omele amabhunga olawulo ezikolo eGqeberha’s Northern Areas, uvakalise inkxalabo ngabasebenzi kwizikolo ezingqonge iGqeberha abasoloko bengamaxhoba begahlawulwa imirhumo yabo ye-UIF.
“Ndazi umsebenzi othile okwinkqubo yokutyiswa ezikolweni ekuye kwafuneka ukuba aye kubeleka engahlawulwanga ikhefu kwaye kuya kufuneka abuyele emsebenzini kwisithuba senyanga emva kokubeleka ngenxa yokungafumani mvuzo.”
“Nangona kunjalo, i-UIF itsalwa kwimivuzo yabo nyanga zonke,” utshilo.
Amagosa esebe athembise ngokungenelela kwanokuthi kutyelelwe ezikolweni ngeenjongo zokusombulula ezi nkxalabo zazisemnyango.
Omnye wabo bebezimase lomsitho okwa ngusomashishini osakhulayo, uZodwa weOn the Go Wellness Spa uthe bayayibulela leseshoni njengoko inika ingcaciso kuluhlu lwemiba ebhidayo.
“Namhlanje, ndifunde njengomqeshi ukuba iSebe lezaBasebenzi ayilotshaba labaqeshi, kuba eneneni ikhona iinzuzo ekuthobeleni nokubhengeza abasebenzi njengomqeshi,” utshilo.
Iphondo leMpuma Koloni lifumene into uMaruping ayibiza “ngesabelo senkukhu” kuleR64 billion yeentlawulo ze-Covid Ters.
UMaruping ukwathe abaphicothi-zincwadi be-UIF bebehlola iinkampani iphondo lonke ukuqinisekisa ukuba izixa-mali ezichanekileyo zihlawulwe kubasebenzi nge xesha elifanelekileyo. Ukuza kuthi ga ngoku, uthe linye ityala lobuqhophololo elifunyenweyo.
“Abaphicothi-zincwadi bethu bebekwiphondo leMpuma Kapa njengenxalenye iprojekthi ‘yokulandela imali’ kwaye ukuza kuthi ga ngoku inye kuphela imeko yobuqhophololo ye-Covid-19 Ters efunyanisiweyo. Oku kuyonwabisa kwaye kubonisa utshintsho sibona ibali elikhuthazayo labemi abenza okulungileyo kwezoshishino njengabaqeshi.
“Ikwabalisa ngenkathalo yabaqeshi kuba njengoko sisazi kamhlophe iphondo leMpuma Kapa lelinye lawona maphondo asokolayo kwilizwe lethu, utshilo Maruping.
USimiso Nkosi, ophuma kwi-Ofisi yoMkomishinala we-UIF, uthe kukho iziphumo ezilindelekileyo abaqeshi abangazange bavume ukusebenzisana nabaphicothi-zincwadi “balandele imali”.
Umfanekiso ongentla: uMkomishinala we-UIF uTeboho Maruping ethetha nabaqeshi baseGqeberha kwa iHotele iCourtyard eGqeberha
Umthombo womfanekiso: Anita Dangazele