Amashishini makalungiselele iveki enzima ngenxa yocimi-cimi wombane 

Ngu Zukile Majova

Iziko eliphehla umbane uEskom liqinisekise ubunzima kwiinkampani zoMzantsi Afrika ezizakujamelana nokutshintsha tshintsha kwesigaba sesihlanu kunye nesesithandathu kwinkqubo yokucinywa kombane iveki yonke, “de kukhutshwe isaziso esitsha”.  

Oku kuthetha ukuba iinkampani namakhaya azakuphulukana nombane weeyure ezisibhozo ukuya kwezili-10 yonke imihla iveki yonke. 

Ukucinywa kombane sele kutyabula uqoqosho lweli imali eqikelelwa kwibhiliyoni enye yeerandi ngosuku. 

Ngenyanga yoKwindla, uAdvocate Tembeka Ngcukaitobi – omele amaqela ezopolitiko ase urhulumente enkundleni – uxelele inkundla ePhakamileyo yaseRhawutini ukuba ukucinywa kombane kutyabule uqoqosho lweli imali engaphaya kwe-R1.2 trilion. 

Samsung Galaxy 14G

Bezingaphezulu kweentsuku ezingamakhulu amabini zokucinywa kombane ngonyaka ka2022 kwaye kuqikelelwa ukuba zizakuba ngaphezu kwamakhulu amathathu iintsuku zokucinywa kombane kunyaka ka2023. 

Kuhlaziyo lwakamva nje, uEskom uthe akukho nto anokuyenza ngaphandle kokubeka isizwe kwiNqanaba lesi-5 kusasa kunye nasemini, atshintshele kwisigaba sesithandathu emva kwemini xa kufikelelwa kusetyenziso olweqileyo lombane emakhaya. 

“Isigaba sesithandathu sokucinywa kombane siza kuqhubeka kude kube yintsimbi yesihlanu  ngoLwesibini. Emva koko,ukucinywa kombane kuya kuqaliswa kwisigaba sesihlanu kusasa ukuya kwisigaba sesithandathu emva kwemini.” 

Ekupheleni kosuku loshishino ngoMvulo, urhulumente kamongameli uCyril Ramaphosa ebengekabinaso isisombululo kumceli mngeni wokunqongophala kombane, obangele imfuneko yombane igqithise unikezelo olukhoyo malunga ne7,000 MW. 

U-Eskom uthe nangona iyunithi nganye kumaziko amathathu okuphehla umbane – iCamden, iKoeberg neMedupi- ebuyele enkonzweni yonikezelo lombane ngoMvulo, akonelanga ukuba kuncitshiswe izigaba zokucinywa kombane.  

“Kwangelo xesha linye, iiyunithi ezimbini zokuvelisa umbane kwisikhululo sombane iKriel zithe zakhutshelwa ngaphandle kuba zizakulungiswa.” 

Ukulibaziseka ekubuyisela emsebenzini iyunithi enye kwisikhululo ngasinye kwezine – Kendal, Medupi, Tutuka, kunye neKriel – kubenegalelo kuxinzelelo lwamandla, utshilo uEskom kwingxelo ekhutshiweyo.