Abuyela eluntwini amandla!

Ngu Zukile Majova

Iza kudinga inkxaso-mali ethe xhaxhe kwaye izakuba ngumnqantsa kodwa abavoti boMzantsi Afrika banako ngoku ukonyula nabani na oza kubamela ePalamente. 

Kwaye ngemfefe zika mdali, lo mntu lowo unako ukuba ngumongameli olandelayo.  

Akusekho mfuneko yokuba ube lilungu leqela lezopolitiko. 

Kodwa kukho intaba yemiqathango ekufuneka ilandelwe. 

Samsung Galaxy 14G

Owona mqathango unzima uya kuba kukuqokelela amawakawaka amagama abavoti ababhalisiweyo, amanani abo ezazisi kunye nezityikityo zabo.  

Umzekelo, ukuba umgqatswa ozimeleyo uzinze kwiphondo leMpuma Kapa, ukuze akhuphisane ngesihlalo kwiNdlu yoWiso-mthetho yeli udinga ukufumana inkxaso yangaphambili yabantu abalishumi elinanye lamawaka namakhulu amathandathu anamashumi amahlanu anesithandathu. 

Lo ngumyinge weshumi elinesihlanu wepesenti yeevoti ezingamawaka angamashumi asixhenxe anesixhene namakhululu asixhenxe aneshumi elinesithathu ebezifuneka ukuze kukhuselwe indawo yovoto epalamente kwiphondo leMpuma Kapa kunyulo lonyaka ka2019. 

Izabelo ezifunekayo ziyohluka ngokwephondo. EFree State yi-11,314, eRhawutini (yi13,819), 

KwaZulu-Natal (13,046), Limpopo (11,329), eMpumalanga (11,924), eMntla Ntshona (10,652), 

eMntla Kapa (10,271) kunye neNtshona Kapa (13,201). 

Akuyomfuneko kumaqela ezopolitiko ukuba anikele ngobungqina bokuba amawaka ngokwenene aya kuyixhasa injongo yawo ngaphambi kwalo naluphi na unyulo. 

Umthetho omtsha otyikitywe kule veki uvumela ukuba nawuphi na umntu onyulwe ukungena kwesona sikhundla siphezulu kweli ngaphandle kokungena kwiqela lezopolitiko kuqala. 

Oku kuthathe phantse iminyaka engamashumi amathathu ukufika kweli nqanaba. 

Kwaye ngokujonga imiqathango edingekayo yokuba umntu ame njengomgqatswa ozimeleyo, kuya kuthatha iminyaka emininzi ukuze kufikelelwe kwisiphumo esicetywayo somgaqosiseko. 

Umongameli uCyril Ramaphosa ekugqibeleni utyikitye umthetho sihlomelo wonyulo womyaka ka2022 ukuba ube ngumthetho osebenzayo.  

Wanyanzeliswa sisigwebo senkundla yomgaqosiseko owatyikotywa ngomhla weshumi elinanye kweyeSilimela ngonyaka ka2020 owabhengeza umthetho wonyulo ka1998 ukubachasene nomgaqosiseko. 

Lo Mthetho uphelelwe lixesha ubusithi ubani kufuneka abe lilungu leqela lezopolitiko ukuze onyulelwe ukuba lilungu lendlu yowiso mthetho yeli kunye nezindlu zowisomthetho zamaphondo. 

Ngoku, akusenjalo kwaphela. 

URamaphosa uthe: “UMthetho oyilwayo wokuhlengahlengisa  malunga nonyulo uphawula isigaba  esibalulekileyo kwimvelaphi yenkululeko yethu ngokwandisa intatho-nxaxheba kunyulo kunye nokwandisa ubunkokheli obunokukhethwa kwindlu yowisomthetho yeSizwe nezindlu zowisomthetho zamaphondo. Lomthetho ubonisa uphuhliso olunokunokutyebisa kwaye lugcine inkululeko yethu ekhulayo yomgaqosiseko.” 

Usihlalo we-IEC uMosotho Moepya uthe thaca uluhlu lwemiqathango kwindibano noonondaba mgoMvulo. 

  • Umgqatswa ozimeleyo unokutyunjwa ukuba angenele ukhetho kwindawo enye nangaphezulu kodwa angonyulelwa kuphela kwisihlalo esinye kwiNdlu yoWiso-mthetho. 
  • Banokunyulelwa kuphela ukuma kwindlu yowisomthetho yephondo kwiphondo abhaliswe kulo. 
  • Inokuba lilungu leNdlu yoWiso-mthetho okanye indlu yowiso-mthetho yephondo kuphela 
  • Isibhengezo esimiselweyo esingqina ukuba uwafakilee amagama, amanani ezazisi kunye    nezityikityo zabavoti abanxhasayo njengomgqatswa zizakudingeka.  
  • Amagama kufuneka alingane nomyimge weshumi elinesihlanu wepesenti lenani leevoti ezifunekayo ukufumana isihlalo saloo nto kunyulo olwandulelayo ukuba ubukhuphisana nommandla omnye kuphela. 
  • Kufuneka kwakhona ahlawule imali ethile kwikomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC. 

La malungiselelo kulindeleke ukuba enze olu ibelulonyulo oluchulumancisayo emva kommangaliso wonyaka ka1994 eMzantsi Afrika. 

Umfanekiso ongasentla: Indawo yokuvota 

Imvelaphi yomfanekiso: IEC