
Ngu Anita Dangazele
Sele iyiminyaka ummandla weNelson Mandela Bay ujamelene nokwebiwa nokonakaliswa kweentambo zombane, nto leyo ityabula umasipala imali engaphezu kwamashumi amabini anesithathu ezigidi zeeRandi unyaka nonyaka.
Nangona kusenziwa zonke iinzame zokulwa nalengxaki, amasela entambo zombane akaxakwa kukufumana indlela zokweba. Kodwa ngoku esisixeko sipheke isisombululo esiqaqambileyo – izibane zasendleleni eziphezulu ngokumandla kukholeleka ukuba sisisombululo!
Kuqikelelwa ukuba leprojekhthi ixabisa izigidi ezintathu namawaka amahlanu amakhulu eeRandi iquka ukufakelwa kwesola, nezibani zayo zokhanyisa kunye neebhethri ezizakubekwa ngaphezulu kubude obulinganiselwa kwimitha ezingamashumi amabini.
Eyonanto yenza ezizibane zibe zizakutshintsha imeko kukuba azisebenzisi ntambo zombane, kwaye ubude bepali benza kubenzima ukuba oonqevu bakwazi ukufikelela kwiphanela zesola kunye nezixhobo zokukhanyisa.
ULance Grootboom oyintloko yezopolitiko kwicandelo lombane namandla kumasipala iNelson Mandela Bay uchaze wenjenje, “Ukomelela kokwakhiwa nobude bepali kuthetha ukuba ayinokwazi kusikwa okanye iwiswe kukugilwa sisithuthi njengezibane zendlela eziqhelekileyo.” Elinyathelo alinciphisi busela kuphela, kodwa libhangisa iindleko ezibizayo zokulungiswa kwezibane zendlela kwaye lizokwenza umasipala akwazi ukonga imali engaphezu kwamashumi amabini ezigidi zeeRandi ekuhambeni kwexesha.
NjengeProjekhthi ekwisigaba sovavanyo, ezizibane ziphezulu zisebenzisa isolar zizakuqale zifakwe kwindawo ezithile ezichongiweyo.
“Sizakuthi sakubona impumelelo yokufakelwa kwezizibane, siqhube nokuzifakela nakwezinye iindawo ezichaphazelekayo,” wongezile uGrootboom ekhangeleka enethemba.
Ukanti esisixeko asisodwanga kwimpi yokulwisana nobusela nokonakaliswa kweziseko. Izigilamkhuba sele zigaqela ucingo lokubiya lwentsimbi olusetyenziswa kwindawo zamangcwaba kunye nentsimbi ezikumzila kaloliwe kweminye imimandla yalomasipala uMbaxa. Kutsha nje amasela abanjwe ezama ukuba iintsimbi ezisusa kumzila kaloliwe kude kufuphi nesikhululo seenqwelo Moya iChief Dawid Stuurman International Airport.
Umfanekiso ongasentla: Isibane sasemgaqweni esonakalisiweyo kwakhutshwa neentambo zombane.
Imvelaphi yomfanekiso: Inkampani yonogada yephondo leMpuma Kapa iRed Alert Electronic Security