Longamile ulwaphulo mthetho kweliphondo leMpuma Kapa

Ngu Anita Dangazele

Iphondo leMpuma Kapa ligutyungelwe kukonyuka kwezinga lolwaphulo mthetho, kwaye inkonzo yesipolisa isebenza nzima ukulwisana nokonyuka kwezinga lobundlobongela.  

Kulempela veki, inkonzo yesipolisa igqogqe yafumana imipu emithandathu engekho mthethweni kunye nembumbulu, kunye neziyobisi kwiziganeko ezohlukeneyo kweliphondo. Ngaxeshanye iziphathamandla zijongene nokufa kwbantu ababini nalapjho mnye wabo eqinisekisiwe ukuba ubulewe. 

Ummandla waseNelson Mandela Bay owaziwa ngamazinga aphezulu okubulala, kufunyaniswe imipu emnithathu efunyaniswe kwindawo ezonganyelwe lulwaphulo mthetho kwilokishi yaKwazakhele kunye nemimandla yamantla esixeko eyaziwa ngokonganyelwa ngamaqela imigulukudu. 

EGqeberha amapolisa akhangela izizalwane zendoda engaziwayo eqikelwa kwiminyaka ephakathi kwamashumi amathathu ukuya kumashumi amane, ekufunyenwe umzimba wayo sele ubola, ufunyenwe ngabantu ebebehamba emahlathini aseWalmer. 

Samsung Galaxy 14G

Isithethi senkonzo yesipolisa uColonel Priscilla Naidu uthi lomzimba ufunyenwe ulele ngomqolo, unxibe ubhulukhwe yomzantsi wetracksuit onombala oBeige okanye otyheli, isikipha esinemikhono emide esimnyama kunye neteki ezimnyama. 

Kwelinye icala eAvondale kufunyaniswe umzimba kaFihlakele Ramatlapeng oneminyaka engamashumi amane ananye sele ubanda, endlini unamanxeba aphindiweyo okudutyulwa kumzimba wangasentla. Amapolisa amemelela uluntu ukuba luncedise ukufumanisa ixhoba okanye izizalwane zexhoba. 

Umcuphi uWarrant Officer Luvuyo Nyati uyafumaneka ku079 299 2854, okanye isikhululo samapolisa aseWalmer ku041 581 1496 okanye uqhakamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane wawe. Uwarrant Officer Nkosinathi Bene uyafumaneka ku 082 515 3179 ngolwazi mayelana nesiganeko sokubulawa komntu eAvondale. 

Kwesinye isiganeko indoda eneminyaka engamashumi amane ibanjiwe eMthatha ngokufunyaniswa neziyobisi. Amapolisa amfumanise nezistraw zesiyobisi iTik ezingamashumi amahlanu anesihlanu, ipilisi enye yeboss, ikota ezilishumi zepilisi yeboss, kunye nehafu ezine zalepilisi yeboss.  

Ukunyuka kwezinga lolwaphulo mthetho kweliphondo kunyanzelise umkomishinala wamapolisa uLieutenant General Nomthetheleli Mene ukuba amkele amapolisa azakuqeqeshwa angaphezu kwamakhulu asixhenxe azakufumana uqeqesho iiveki ezingamashumi amathathu anesihlanu kwinkampu zoqeqesho lwamapolisa eBisho naseRhafu. ULieutenant General Mene uvakalise ithemba lokuba amapolisa azakufumana uqeqesho azakuthwala igama lentsapho zabo ngokuziqhenya, kunye negama lenkonzo yesipolisa ebabongoza ukuba bangaphoxi. 

“Kuyayonwabisa intliziyo yam ukubona iqela lamapolisa azofumana uqeqsho ebonakalisa umdla nokubasemandleni,” utshilo uLeutenant General Mene. “Esi sisiqalo sesigaba esitsha kwisakhono senu, ndiyathemba ukuba nizakusithanda de nifikele kwisigaba sokuthatha umhlala phantsi. Nisoloko nikhumbula ukuba niphethe igama lentsapho zenu, ngoku nongeze igama lenkonzo yesipolisa, ngako ke ningasiphoxi.” 

Umnfanekiso ongasentla: Umboniso 

Imvelaphi yomfanekiso: Inkonzo yesipolisa