Isebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa lilwisana nobhubhane weTB 

Ngu Thabisa Ndzindzwa

“Mna nawe singayibhangisa iTB!” – Lo ibingowona myalezo uhamba phambili upapashwa lisebe lezempilo lephondo leMpuma Kapa njengoko belihlonipha usuku lwehlabathi lesifo sephepha ngoLwesine. 

Njengesizikithi sobhubhane sesifo sepehepha kweli, iMpuma Kapa ihamba phamile ngabantu abane sifo sephepha kwilizwe loMzantsi Afrika, inkqenkqeza phambile ngokumangalisayo isogqitha umyinge wesizwe ngabantu abayi-172 abafunyaniswa benesisifo kwabo bayi100 000. 

Inkcukacha zakutsha nje zohlolo lwesisifo kusetyenziswa iDistrict barometer zibonakalise ukuba iphondo leMpuma Kapa  lime kumyinge wabantu ayi 692 abosukleleke yiTB kubantu abayi 100 000, xakuthelekiswa nabantu abayi-520 kwabayi 100 000 kumzantsi Afrika uphela.  

Okothusayo kukuba kwizithili ezingamashumi amabini anesixhenxe ezonganyelwe sisifo sephepha kweli, ezihlanu kuzo zikweliphondo leMpuma Kapa. Lemeko imaxongo ibangele isebe lezempilo ukuba lithathe amanyathelo okumilisela iindlela zokufumanisa nikunyanga abantu abosulelwe sisifo sephepha. 

Umphathiswa wesebe lezempilo uNomkakhosazana Meth, obethetha kulomsithu ubalule ukuba, nangona lusenziwa uvavanyo nonyango lwesisifo, inkqubo yezempilo iyasilela ukufumanisa umyinge wabantu abanesisifilo ofikelele ku63%. 

“Zichonge abantu abohlukeneyoi abafana nabo baphila nentsholongwane kaGawulayo, abantwana, amadoda, abangtu abahlali kwindawo zeefama, abasebenzi mgodini kunye namabanjwa asele betyelelwe kwinkqubo ebezisenziwa kulungiselelwa lomsitho,” utshilo uMeth. 

kweziveki zintandathu zidlulileyo, isebe lezempilo liqhube iinkqubo zokufundisa, kunye nohlolo oluhamba nonyango lwesisifo kwezona ndawo zinabantu abaninzi ezifana nezikolo, iijele kunye neendawo zamatyotyombe kwiphondo liphela. 

Ngabantu abayi257,381 abahlolelwe isifo sephepha, kwaphandwa abantu abayi 6,545 kwaze kwafunyaniswa ukuba ngabantu abangamakhulu amathamdathu anamashumi amahlanu anesixhenxe abosuleleke sisifo sephepha. Ummandla waseOR Tambo ngowona uchaphazele ngokumandla, ngabantu abaliwaka namakhulu amathathu anamashumi amane anethoba ekwenziwe uphando kubo, ngelixa bebengaphezu kwamashumi amabini amawaka abebevavanyiwe kwafunyaniswa abangamakhulu amane anamashumi aluthoba anethoba bosuleleki sisifo sephepha -nelona nani likhulu kweliphondo. 

Ukuzama ukulwisana nesifo sephepha kubantu ababalulwe njengaba semngciphekweni, isebe lezempilo lisebenzisana nesigqeba esimele abantu ababesebenza emigodini (iEC Ex-miners Council) ukunikezela ngenkonzo zezempilo. 

“Eli liqela labantu abazifumana bekwimeko yokuba bafunyanwe zizifo ezinzi kuquka isifo sephepha, ngenxa yokungakhuseleki nokungabukho mpilweni kwemeko ababesebenza kuzo,” uchaze wenjenje uMeth. 

Kukholelwa ukuba lentsebenziswano linyathelo elibalulekileyo kunikezelo lwenkonzo zempilo ezingunmdoqo kwabo babesebenza emigodini kwaye izakuphinde ikhulule imali engaphezu kweR3 billion engekanzelwa bango ngabo bafumana izigulo besemigodioni kweliphondo lempuma koloni kuleminyaka imithathu izayo.  

Noxakunjalo, lomceli mngeni uyaqhuba, kuba izinga lokusweleka kwabantu ngenxa yesifo sephepha umeku8% ngelixa izinga labantu abayekephakathi ukuthatha amchiza esisifo abangafumanekisyo bephantse bafikelele ku16%. Isebe lezempilo kwiphondo leMpuma Kapa lizimisele ukulwa nalobhubhane, kwaye limemelela ukungtu ukuba luzimanye nesebe ukulwa esisifo. 

Umfanekiso Ongasentla: Umphathiswa uNomakhiosazana Meth ngethuba lokukhunjuylwa kosuku lwehlabathi lwesifi sephepha 

Imvelaphi yomfanekiso: Isebe lezempilo lephondo leMpuma Kapa