
Ngu Celani Sikhakhane
Isemngciphekweni wokwenene impilo yekumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini.
Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika ubeke oonogada bezinga eliphezulu elilingana nelika Mongameli ukukhusela lekumkani emva kokuhlolwa kokhuseleko lwaleKumkani.
Elicandelo loonogada lidla ngokunikezelwa kumadoda aphambili kumbuso weli afana nosekela mongameli, abo babesaya kuba ngoomongameli, abo babesaya kuba ngoosekela mongameli kunye nentloko yezitshutshiso kwinkundla yomgaqo siseko weli.
UPrince Mangosuthu Buthelezi ulothusile ilizwe kwiveki ephelileyo ngokutsho ukuba ukhuseleko lwekumkani luyavuza ngakwelona nqanaba liphezulu.
“Khukhona uphando olunzulu oluqhubayo kungoku.”
UButhelezi uthe wazize umkomishinala wamapolisa kuzwelonke ukuba iKumkani isengozini, wongeza ngokuba omnye wabantu oyinxalenye yokhuseleko lwakhe udutyulwe.
UMisuzuku wafumana ilifa lecandelo lokhuseleko lwenkonzo yesipolisa elalikhusela utata wakhe ongasekhoyo uKumkanki uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu.
Iqonga lendaba iScrolla.Africa ifumanise ukuba amaxesha maninzi amalungu elicandelo azive ekhululeke kakhulu, ayasela esemsebenzini kwaye enze ubuhlobo obeqileyo namalungu olusapho sele luzintsalu ezohlukeneyo kunye nenkundla yobukumkani bakwaZulu.
“Kona kona ikumkani bekufanele ikhuselwa licandelo lokhuseleko eliphezulu elikhusela umongameli kwasekuqaleni kusaphethe uKumkani uZwelithini kaBhekuzulu. Ngoku bonke abantu benkonzo yesipolisa basusiwe ukuze kungene abecandelo lokhuseleko luka Mongameli,” utshilo umthombo othembekileyo uxelala iqonga lendaba iScrolla.Africa.
“Enye into – icandelo leSAPS besele lingawenzi ngokufanelekileyo umsebeni wokuqinisekisa ukhuseleko lwekumkani, ngenxa yesimilo sabo sokunganaki,”
Iofisi yekumkani khange ifune ukwayanyaniswa noku.
Ukanti lwenziwe novavanyo lokuhlola abasebenzi abasondelelene nekumkani abasoloko bengayilandeli imigaqo-nkqubo yemveli.
Icandelo elikwinqanaba eliphezulu lokhuseleko luka Mongameli, elaliqale kucingelwa ukuba sisicwangcwiso sexeshana, selele lihamba naye ukusukela ngoko kwakuvulwa ipalamente yaseKZN.
Ngethuba lokothulwa kwentetho emalunga nobume bephondo isothulwa yinkulubaphathiswa yelaphondo uNomusa Dube-Ncube, iKumkani yakhutshelwa ngaphandle emva kokuba iPresidencial VIP Proctection yaqaphela imeko ebeka ubomi emngciphekweni.
Isithethi samapolisa uBrigadier Athlenda Mathe uthe: “Inkonzo yesipolisa ayozidizi inkcukacha malunga nokhuseleko oluhambiselana nokunikezela nokhuseleko lweVIPS kunye nezithantanyiswa, kuba ukudiza ezonkcukacha kuzakuba ngumngcipheko kubo bonke abantu ababandakanyekayo.”
Umfanekiso ongasentla: Ilungu lePresidential VIP unit likhaphe uKumkani uMisuzulu kaZwelithini eyekeintetho emalunga nobume bePhondo eyayihleli ePietermariotzburg.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter