Umlinganiswa wemiboniso bhanyabhanya unawo umsebenzi eMzantsi! 

Umlinganiswa womboniso bhanya bhanaya iThe Terminatoe, uthathele kuye uxanduva lokuvala imingxuma kwidolophu yaseCalifornia – kodwa wohlulekile. Ingaba yeyiphi indawo onokundwendwela kuyo ngalomsebenzi ngaphandle kwaseMzantsi ilizwe elonganyelwe yimingxuma ezindleleni. 

Ngolwesibini umlinganiswa osele wajika waba ngusopolitiki uArnold Schwarzenegger uthathe isigqibo sokuba ukhathele ngumngxuma omkhulu ongaphandle kwekhaya lakhe. “Sele kuphele iiveki usonakalisa izithuti neebhayisekile,” utshilo. 

Njengendoda ekholwa kukwenza, lendoda izilolongayo yase Hollywood ithathe iifotsholo, ikhamera kunye nabahlobo abaliqela belungiselela ukuvala lomngxuma.  

“Ndiphumile neqela lam sayilungisa,” ubhalile kwikhasi lakhe lezonxibelelwano uTwitter. 

Noxa kunjalo, eyonanto angakhange ayiqaphele kukuba lo ibingengomngxunya njee – kangangokuba ibingengomgxuma owembiwa ngabasebenzi bakamasipala – kwaye bebengonwabanga kwaphela.  

Samsung Galaxy 14G

Iziphatha mandla zedolophu yaseLos Angeles zikhuphe imbalelwano zichaz ukuba lomdekouzakufuna ukuba uphinde umbiwe kwakhona ukuze kugqityezelwe umsebenzi.  

Oh yha, yongcingane into ebalwayo, ingaba ndiyaphazama? 

Ngalo mfutho ke, sicinga ukuba umsebenzi wakhe olandelayo kufuneka ube kukuvala imingxumya kwiindlela zoMzantsi Afrika. 

Akunomthath xesha lide. EJoburg kuphela kuxelwa imingxunya efikelele kwiwaka ngeveki. Ngeli xa iingxelo zisithi isixeko saseKapa sichitha imali efikelele kwikhulu neshumi lezigidi zeRandi ngonyaka kuvalwa imingxuma engamakhulu amabini anaesihlanu ngeveki. 

Ngoko kuqikelela, ilizwe loMzantsi Afrika limemingxuma emininzi ezindleleni ukodlula izindlu zokuhlala uluntu. 

Ngakoke uArnie, makathathe oku njengesimemo esigfanelekileyo sokuba eze eMzantsi. 

Iqulunqwe ngu Arthur Green

Umfanekiso ongasentla: Imbonakalo kaArnold Schwarzenegger elungisa ingxaki yemingxunya ezindleleni 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi ika Twitter lika Arnie