
Ngu Nkhensani Mthombeni
Ukumkanikazi Masalanabo Modjadji VII (wesixhenxe) uzakube ebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa ngendlela ekhethekileyo ngoMgqibelo ePitoli kundlunkulu wemvelaphi yeKara.
Lekumkanikazi iselula yesizwe saBalobedu Royal Nation eTzaneen eLimpopo, igqibe iminyaka elishumi elinesibhozo ngenyanga yoMqungu kulonyaka, kwaye izakuthatha isihlalo ngenyanga yeThupha.
UMasalanabo ubefunda eRhawutini kwaye wakhetha ukubhiyozela olusuku lubalulekileyo noogxa bakhe esikolweni, ngokokutsho kuka Gabriel Raseposta, ongunobhala jikelele webhunga lobukumkani bebalobedu.
Ukwameme abalingani bakhe baseBalobedu abazakuxhentsa umxhentso wesintu, kuquka umxhentso iModjadji sun dance obizwa iKhekhapa kunye na rain dance, iMosebetho.
‘Lombiyozo uzakushicilela ixesha elitsha kunye nokuzalwa ngokutsha kwekumkanizaki uModjadji owaziwa njengomsitho wokuzalwa kwekumkanikazi emazulwini kunye nomntu ommeleyo emhlabeni,” utshilo uRasepotsa.
Lekumkanikazi yintombi yokuqala yekumkanikazi uMakobo Modjadji wesithandathu, owasweleka ngionyaka ka2005. Wayeyikumkanikazi entsha kumnombo omde wekumkanikazi ezinamandla okwenza imvula ine, ngokwe nkolelo, ekusisakhona esidluliselwa kwintombi sisuka kunina.
Ngokosiko lesizwe saBalobedi, isitshaba sobukumkani siduliselwa ngunina siye kwintombi yokuqala endala. Emva kokusweleka kwekumkanikazi uModjadji wesithandathu, uBakhoma Mpapatla Modjadka wabalibambela. Ukubambela kwakge kwafikelela esiphelweni ngokomthetho emva kokuba uMasalanabo egqibe iminyaka elishumi elinesibhozo.
Ngonyaka ka2016 umongameli uCyril Ramaphosa wabhengeza ukuba uMasalanabo uzakuthatha isihlalo emva kokugqiba iminyaka elishumi elinesibhozo. Inyanga yeThupha yakhethwa njengenyanga azakubekwa ngayo esihlalweni njengoko iyinyanga yamanina.
Lombhiyozo wosuku lokuzalwa uzakuphinde usetyenziselwe ukuphehlelela ngokusesikweni incwadi ethi Queen Masalanabo Modjadji VII, Daughter of the sun (inkosazana yelanga). Liqela lababhali beecwadi boMzantsi Afrika abafake isandla kubhalo lwalencwadi, ebalisa kabanzi ngobomi beKumkanikazi ukusukela ekuzalweni kwayo ukuza kutsho ngoku.
Umfanekiso ongasentla: Ukumkanikazi Masalanabo Modjadji VII
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe