Ngu Zukile Majova
Iiholide zepasika zihlala zikhumbuza abasebenzi boMzantsi Afrika ixesha lombuso worhulumente wengcinezelo elanyanzelisa abantu ukuba baye kukhangela amadlelo aluhlaza kwindawo ezikude anamakhaya.
Sinyanzeleka sinyamezele umgama omde sisingise emakhaya – sihamba kwiindlela ezixakekeileyo – ukuze sifumane ukuchitha ixesha elimyoli lokuziphilisa ngoko moya kunye neentsapho zethu.
Kwiveki ephelileyo amawaka-waka abasebenzi kweli bashiye konke kwizixeko zophuhliso ezingundoqo kweli ezifanna neJohannesburg, iKapa kunye naseThekwini ngomzuzu wokugqiobela besingise emakhaya ngempelaveki yepasika.
Unimzi lwabaqeshi bagcina abasebenzi babo de kube lusuku lokugqibela olwandulela ipasika, nto leyo isisiqinisekiso sokuba kuzakube kugcwele ezindleleni kuba wonke ubani, ubhinqele ukufika ekhaya.
Uninzi lwabo, ngabantu abanoxanduva lokondla iintsapho ezongezelelweyo ntoleyo ithetha ukuthi bakusweleka – uThixo abagcine- uninzi lwabantu luzakusala lungenanto isiwa phantsi kwempumlo.
Nakulena ipasika, liphalele igazi ezindleleni libangelwa ngoonqevu becadleo lezithuthi zika wonke wonke iitaxi, abahlasela ibhasi zakwaIntercape zemihamba imigama emide, zidutyulwa okanye zixulutywe ngamatye kwimikandla ethile yephondo leMpuma Kapa.
Ngomvulo, njengoko bendibuyela eeJohannesburg ndisuka KwaBhacxa, kumgama wekhilomitha ezingamakhulu asibhozo namashumi amahlanu ukusuka kwi ofisi zeqonga lendaba iScrolla.Afroca, umhakhulu wam uMarhadebe Shushu ubethadaza engaphezi emva kokuva ukuba kugaqo ebendihamba kuwo uhola wendlela uN3 uvaliwe ngenxa yengozi ebiquk izithuthi ezingamashumi amane ananye.
Okungenani ngabantu abahlalu anaphulukene nobomi babo kulengozi, kwaye abantu abafikelele kumashumi asibhozo babalekiselwe esibhedlele. Ngako ke umhakhulu wam oneminyaka engamshumi asibhozo anesihlanu, ubesoyikela ukuva ezonandaba zimbi.
Wazala ngomhla weshumi kwinyanga yesilimela ngonyaka ka1928, uphile ngumqaba-qaba kuba akatyi nenye intlobo yechiza, ukhathakeka igadi yakhe kwaye utya ukutya kwemveliso ezisuka emhlabeni kunye nenyama yenkukhu zesiXhosa kunye nemfuyo.
Simbona njengoyena mqobo kusapho lwethu. Ngepasika, abantwana bakhe nabazukulwana babuya besuka mbombo zone zeli, bezikwabeana naye ngesonka, babulele kwikimkani yamazulu kunye nezinyanya.
Silusapho olukhuliswe, lwafundiswa ngenfuyo, nokuthengiswa kwayoi, ngako ke sifuya iigusha, iibhokwe kunye neenkomo esizixhela ukwenza isidlo esikhulu sosapho,ngelixa abantu abadala besabelana ngolwazi kunye nezinto abadlule kuzo nolutsha.
Abantu abanoxanduva lokubeka isonka etafelineni kulemihla baba ngamaxhoba ento ebizwa ngeBlack tax, kodwa konke oku kwenziwa ngenjongo ezilungileyo.
UZenkosi Dyomfana, ongumanejala wecandelo lotyalo mali kwibhanki yakwa Investec, uchaza iblack tax njengegama elisetyenziswa ukuchaza inkxaso yemali eyenziwa ngusomashishisni okanye umntwana womgquba kusapho lwakhe, anyanzelekileyo ukuba makayenze kusapho lwakhe ixesha elide eyenza eyikhupha lemali ngaphandle kwemfuno zakhe zezimali.
“Ngamanye amaxesha ayithathelwa ngqalelo, ithathwa njengentlawulo oyibuyisela ukungciba ihambo nzima eyenziwe ngabantu abadala kusapho olo.”
Kodwa nokuba kunjami, iholide yePasika lixesha lokuziphilisa ngokomoya kwaye ufumane ukujonag ihambo yakho njengomKhrestu kunye nomntu okholelwa kwabaphantsi.
Kwaye soze ndiyincamele nantoni na.
Umboniso ongasenla: Ukungema kwilali yaseToleni KwaBhaca, indawo endazalelwa kuyo