
Ngu Dylan Bettencourt
EZEMIDLALO: Ibiyimpelaveki egutyungelwe bubumnyama kumaqela ebhola yombhoxo elizwe loMzantsi Afrika abe jamelene nemeko ezingentlanga kwaphela nezingumngcipheko eEurope, abuya kungekho nto azakuyiveza ekhaya ngentlungu ebebejamelene nayo.
-Kulempelaveki zizakujika izinto.
Ngolwesihlanu ngecala emva kwentsimbi yesithandathu, iqela leCell C Sharks lizakuqubisana neBenetton Rugby eThekwini kwimidlao yeUnited States Rugby Championship. Ungalindela iziphumo ezikhulu kunye nebhola ekhawulezayo.
NgoMgqibelo yimidlao emithathu yeURC ezakudlalelwa kunhlaba waseMazantsi Afrika.
Iqela leBulls kulindeleke ukuba lilibhulele amasaka iqela leZebre ePitoli, kodwa iLions zizakunyanzelela zizenomdlalo wazo ophambile ukuze zibethe iLeinster kumdlalo olindelekileyo ukuba kungaphumelela naliphi na iqela. (nangona imvakalelo kunye nemozulu eshushu ilindeleke ukuba inike ithuba elihle iqela elizakube lidlalela ekhaya).
IStomer zilindeleke ukuba zibethe iMunster, kuba ukuba awuqondi iMunster azizelanga kuzobethwa apha. Lemidlalo iqala mgemtsimbi yokuqala kwimidlao yeUCR enithathu.
Yonke imidlao yeURC izakube isasazwa ngqo kwiDStv tshanel 201 no 211.
– Imidlalo yeCurrie Cup iyaqala ngolwesihlanu ngenjika langa ngomdlo okhethekileyo. Kulindeleke umdlo otshisayo xa iSharks zidla neBlue Bulls eThekwini mgecala emva kwentsimbi yesithathu.
Ungalindlela ibhola yombhoxo ekhawulezayo ngethuba iWesterm Province idlala neCheetahs eKapa ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu, ze ngeCawa iqela leGroffons lidlala nePumas ngelixa i Lions zizakuidlala ne Griquas ngentsimbi yesibini emalanga.
Kulindelele ukuba amaqela adlalele ukuzingqa njengoko iCheetahs zikhokhele ngephuzu elinye kwilog ngasentla kweqela lePumas, kodwa iWestern Province kunye neSharks azikaphumi ebunzimeni.
Yonke imidlao ye Currie Cup izakusasazwa ngqo kwiDStv itshanel ngu 201 no 211.
– Ngoku sifikelela kwimidlo yokugqibela yePremier League kwaye iArsenal ijionge ukuthatha indebe yayo yokuqala ukusukela ngonyaka ka2004.
Emva kokulahlekelwa ngamaphuzu kumdlalo wayo ne Liverpool kwixa elidlulileyo, iGunners zizakucupha ukufumana omathathu amaphuzu kulomdlalo njengoko zizakudlala neqela abakhuphisana nalo laseLondon iWest Han United ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawa.
IManchester City izakube inethemba lokufaka uxinzelelo kwiqela elihamba phambile kwileague ngokubetha iLeicester City kumdlalo ozakube ungecala emva kwentsimbi yesithanfathu ngokuhlwa ngoMgqibelo.
IManchester United ingakwazi ukufikelela kumaqela amathathu aphezulu ukuba ifumene uloyiso kumdlao wayo ne Nottingham Forest kumdlalo ozakube uqhuba ngecala emva kwentsimbi yesihlanu ngokuhlwa kwangeCawa.
Yonke imidlao ye Premier Leaguie izakube isasazwa ngqo kwi DStv itshaneli 203.
-KwiPremier League yaseIndia, lempelaveki izakuqala ngomdlalo phakathi kwe Knight Riders ziqubisana ne Sunrisers kumdlao ozakudlala ngentsimbi yesine emalanga.
Ngomgqibelo iRoyal Challengers zizakuqubisana neCapital apho iqela elisingethe lomdlalo lilindeleke ukuba liwuphumelele njengoko umdlao uzakuqala ngentsimbi yeshumi elinesibini emini emaqanda.
Emva kwalomdlalo, iSuper Giants zizakuqubisana nePunjab Kings ngentsimbi yesine emalanga ukuqukumbela imidlalo yangoMgqibelo.
Yonke imidlalo yeIPL uyakuyifumana kwitshaneli yeDStv u212.
Umfanekiso ongasentla: Iqela leSharks libhiyozela ukufaka inqaku (try) kumdlalo walo ne Edinburgh Rugby
Imvelaphi yomfanekiso: Iqela leSpringboks