
Ngu Celani Sikhakhane
Usapho lobukumkani bamaZulu lukhawulezile ukuthomalalisa uloyiko malunga nempilo kaKumkani uMisuzuu kaZwelithini, njengpko kukhona amarhe athi kungenzeka ukuba uyagula kwaye udinga unyango lwempilo olukhawulezayo.
Intetho ephikisayo eyenziwe ngumphathiswa wakhe ojiongene nemicimbi yemnveli uPrince Mangosuthu Buthelezi ngethuba kubanjwe umthandazo eMahlabathini ibangele uloyiko nokudideka.
UButhelezi uphindle waxelela isizwe samZulu ukuba ukhiseleko lwekumkani alusazinzanga.
Kwintlangansio ebibanjwe nguButhelezi kunye nenkokheli zamabandla ebezimtyelele ekhayeni lakhe eMahlabathini uzixelele ukuba zidinga ukuthandazisa ikumkani kuba ayiphilanga kwaye idinga unyango.
Uthe iKumkani imtsalele umnxeba Eswatini isithi ikhathazekile ngokomphafumlo kwaye idinga unyango lwezempilo.
Noxakunjalo, kafutshane emva kokuba esisicelo sithe ndii emnatheni, uButhelezi ukhuhe enye imbalelwano ecacisa ukuba iKumkani ayiguli ngohlobo oluxhomisa amahle kwaye ayikho ngozini.
Ezintetho ziphikisanayo zishiye uninzi lwabantu, kuquka amalungu osapho akufutshane neKumkani bekhathazekile malunga nempilo yakhe.
UKumkani uMisuzulu walahlekelwa ngunina, uQueen Regent Shiyiwe Mantfombi Dlamini Zulu emva kokutyiswa ityhefu ngumntu ongaziwayo.
UKumkani ngenkqu uqhubeka nokuphila emngciphekweni njengoko igquba iyantlukwano kusapho lubukumkani apho elinye iqela lilwela ukumsusa esihlalweni.
Bangaphezu kweshumi abantu abakufuthsane kwaye abangqonge ikumkani asele bebulewe kwiziganeko zakutsha nje.
Ilungu losapho lobukumkani bamaZulu elingenokudizwa ngenxa yokuhlonipha umnombo weveli yobukumkani uxelele iqonga leNdaba iScrolla.Africa ukuba iKumkani ibiseSwatini.
Ubeyinxalenye yemibhiyozo yePasika kwikhaya likamalume wakhe uKing Mswati wesithathu.
Lomthombo uqhube ngelithi iKumkani isempilweni kwaye akukho sidingo sokuba uluntu luxhalabe.
UKumkani uMisuzulu unezicwangciwso zokuba abeyinxalenye yomsitho wokuvula ngokusesikweni kodederhu lwevenkile iViews Shopping Centre eMhlanga, kumantla eTheku ngoLwesihlanu.
Ulindeleke ukuba enze intetho apho azuthetha ngombono wakhe makunga nesizwe samaZulu kunye nabantu baso.
Idederhu lwevenkile iThe Views Chopping Centre luphuhliso olukhulu kulommandla, kwaye ukuvulwa kwalo kuzakutsala abantu abaninzi. Ubukhona bekumkani bubaluleke kakhulu kulomsitho kwaye kuzakonyusa izinga lezivemkile kunye nendawo yokuhlala eyingqongileyo.
Umfanekiso ongasentla: UKumkani uMisuzulu kaZwelithini ekubangwa ngokuba usempilweni
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe