Ukuphumelela kwilizwe laseAfrika, iBafana Bafana kufuneka ikwazi ukufikelela eEurope 

Ixesha elongezelelweyo: Iqaqobana labadlali kwiqela leBafana Bafana abohlulekileyo ukungenela imidlalo yendebe yeAfrica Under-23 Nations Cup yoyaka ka2023, bebehleli bohlulekile kwimidlalo yokuchongelwa mamqela aseEurope. Ikamva leBafana Bafana lizakuhlala limfiliba, ukuba asikwazi kufumana mpumelelo kumazwe aphesheya kwelwandle, utsho uMicheal Madyirha. 

Ngonyaka ka2022 umdlo oqaqambileyo weKaizer Chiefs uMduduzi Shabalala wamenywa ukuyakudllala imidlalo yokuchongelwa iqela elalilelase Belgium elikwinqanaba lesibini iKVC Westerlo. 

Emva koko waphuma wasingisa eSpain, apho wadlala neVillareal. 

Kodwa akukhonto yafumanekayo koluqeqesho njengoko amaqela aseEurope engazange oneliseke. 

Malunga nexesha elifanayo, umlingani odlala noShabalala kwiqela leChiefs ongunozinti uBintle Molofe nawe wasingisa eBelgium eyeozama intlahla yakhe kwiqela iRoyal Antwep kodwa zange aphumelele. 

Samsung Galaxy 14G

Emva nje kokuba uShabalala eye eSoain, abadlali ababini be Stellenbosch FC uFuad Johnson kunye no Antonio van Wyk nabo bafika kwimidlalo yokuchongelwa maqela elalizwe kodwa nabo zange balenze ixesha. 

Ushabalala, uMolefe kunye noVan Wyk bonke bebeyinxalenye yeqela leBafana Bafana elohlulekileyo ukungenela imidlao yonyaka ak2023 yeAfrica Under-23 Nations Cup. 

Okuxhalabisayo kukuba, aba ngabadlali abasebatsha abathathwa njengekamva lebhola ekhatywayo yelizweloMzantsi Afrika kodwa bayohluleka ukungena kumaqela aphantsi ebhola ekhatywayo eEurope.  

Oku kungaba kubonakalisa ukwehla kwezinga lebhola kwisigaba sePSL. 

Yilento kanye umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos wayethukelwa yona emva kokugxeka indlela ekhuohisana ngayo iPSL, ekuzizimvo ezifanayo ezavakaliswa ligqala leBafana Bafana uLucas Radebe. 

Oku kuthetha ukuba amaqonga ophuhliso, ayasilela ukulungiselela nokuxhosisa ngokufanelekileyo abadlalinukuba bakwazi ukuthatha uxanduva olikhulu.  

Abadlali abafana noBenni McCarthy, uSteven Pienaar kunye no Aaron Mokoena batyikitya ukudlalela iIjax Amsterdam besekwiminyaka emincinci kakhulu, kwaye bakhawuleza uzenzela igama eEurope. 

Bonke badlala kwisigaba seEnglish Prenier League, kodwa namhlanje ukufikelela nje ufumane iqela ozakulidlalela eEurope bubunzima kubadlali abselula kwilizwe loMzantsi Afrika. 

Eli lilizwe elake lanabadlali abahlanu abadlala kwiPrenier League; uLucas Radebe (kwiLeeds United), uQuiton Fortune (KwiManchester united), UShaun Bartlet (kwiCharlton Athletic), uMark Fish (kwiCharlton Athletic) kunye noMbulelo Mabizela owayedlalela iTottenham Hotspur. 

Kungenzeka ukuba lifikile ixesha lokuhlala phantsi, kuphononongwekwaye kuziwe necebo lokuvelisa ooMcCarthy nooRadebe abatsha. 

Umfanekiso ongasentla: Umdli weKaizer Chiefs uMduduzi Shabalala 

Imvelaphi yomfnekiso: Iqela leKaizer Chiefs