
Ngu Buziwe Nocuze
Umemelela inkampani yebhasi i-Intercape ukuba ithathe uxanduva umkhweli owadutyulwa ngaphakathi kulebhasi, esendleleni esingise eKapa kwisithuba esingaphezu kweveki ezimbini ezidlulileyo.
Ufuna intlawulo nhgokulimala kwakhe.
Lendoda ineminyaka engamashumi amane anesibini, ekhethe ukuba igama layo lingadizwa kuba isoyikisela impindezelo, idanile ngenxa yokungakhathali kwenkampani yakwa Intercape.
“Ndadutyulwa ngela Cawa, kodwa akukhom nomntu omnye walenkampani ozikhathazayo ngokundijonga ukuba ndinjani na okanye inxeba liyaphola kusinina,” utshilo.
“Kucacile ukuba bayaqhubeka nempilozabo ngathi akukho kwanto ikhe yenzeka, ngelixa ndisezintlungwini ndingasakwazi nokulala ebusuku.”
Esisiganeko senzeka kufutshane naseCradock ngethuba kuhlaselwa lebhasi yayisingise eKapa, kutyholwa oonqevu abanento yokwenza nabaqhubi bezithuthi zika wonke wonke. Umqhubi waxelela abakhweli ukuba ibhasi ixulutywa ngamatye, kofdwa zange ame kuba wayengazi ukuba abahlaseli banokwenza ntoni.
Kwimizuzu embalwa emva koko, ixhioba lava ubushushu kwithanga lalao lasekunxele kwaye labona igazi.
“Ndiluxanduva lwabo kuba ndadutyulelwa ngaphakathi kwibhasi yabo. Kutheni besenza ngathi yaba bubugwenxa bam?” utshilo.
“Esisiganeko sindibeke ezintlungwini kakhulu, idusu lam lifdumbile kwaye sele ndichithe imali engaphezu kwamakhulu amathandathu eeRandi ndithenga amachiza.”
Utyhola ngelithi wanyanzeleka ukuba asebenzise imali yakhe ukuthenga amachiza kuba amachiza awayewanikwe esibhedlele ashiyeka kwisithuthi esincinci awayesilungiselele yinkampani yakwa Intercape.
“Ndawalibala amachiza kwisithuthi sabo. Ndathi ndakuqhakamshelana nabo ngomnxeba bandixelela ukuba andiwashiyanga kwesisithuthi. Andingomntu unobudenge, ndiyayazi ukuba ndangena nawo amachiza kwesasithuthi,” utshilo.
Ingqonyela yalenkampani uJohann Ferreira uphendule kweziziztyholo esithi, inkampani yazenza inzame zokumgodusa.
“Iqrela labasebenzi bethu basoloko beqhakamshelana nalomkhweli, kwaye bayaqhakamshelana nezibhedlele zaseCradock naseWorcester ukukwenza inzame zokuba sifumane icwecwe lamachiza akhe. Ngako ke ayibobunyani into yokuba uIntercape zange waqhakamshelana naye oko wathi walimala,” utshilo.
Uwarrant Officer Majola Nkohli uthe uphando malunga nesiganeko sokuhlaselwa kwebhasi zakwa Intercape zichotshelwa ligqiza labacuphi bephondo becandelo lolwaphulo mthetho olucetyiweyo.
“Okwangoku akukabikho mkhombandlela, noxa kunjalo silandela yonke imikhondo esiyifumanayo kwaye uphando luyaqhuba,” utshilo uNkohli.
Umfanekiso ongasentla: Umkhweli webhasi yakwaIntercape unentlahla ukuba abe usaphila emva kokudutyulwa engaphakathi kulebhasi ngabantu abangaziwayo. Wadutyulwa eduswini kasekunxele.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe