
Ngu Bathandwa Ndlangisa
Imveliso yeteki zefashoni ekudidi oluphezulu eyilwe kwilokishi yaseKatlehong eEast Rand, iVaya sneakers sele ifikelele kwinqanaba lokuthengisa kumazwe ehlabathi. Lemveliso ifumaneka ngeyona mibala igqamileyo, eluhlaza, ebomvu kunye netyheli kwaye sele inxitywa zimvumi zomculo wamapiano, uBlack Coffee, uConnie Ferguson kunye neqela lebhola ekhatywayo laseTanzania.
UThemba Makamo ongunseki wemveliso iVaya Footwear, zange abenantlahla ingako.
“Ndandine nezixhobo ezinqongopheleyo, imveliso endikhuphisana nazo zomelele kwaye ndinawo namaxesha okungazithembi,” utshilo uMakamo ekhumbula ixesha lokuphehlelela kwake lemveliso yeteki ngonyaka ka2017.
Kodwa iVaya ethiywe ngegama elisetyenziswa elokishini, ibonakalisa ibali lokunyamezela. UMakamo zange aphambuke kwizicwangcwiso zakhe ngeziteki kwaye zange anikezele nangona wayefumana ukuhamba nzima.
Wayesebenza iphephandaba lasekuhlaleni engaqeshwanga ngokuopheleleyo, ngethuba efikelwa ngumbono wokuba aqalise iVaya. Yabangamabali amaqhawe asekuhlaleni alandela amaphuma awo awamkhuthazayo ukuba aziqalele elakhe ishishini.
Kodwa yaphinda yabangumbono kaMakamo wokuba yintoni enokumsebenzela ebangele impumelelo yeteki zeVaya – nangaluphi na usuku zikhangeleka nkengemveliso ezidume ihlabathi liphela ezifana neAdidas kunye nePuma.
Yilonto imvumi zoMzantsi Afrika zomculo wamapiano ezifana noAmaroto, uUncle Waffes kunye no Major League bezinxiba kutyelelo lwabo kumazwe aseMelika nase Europe.
Yilondlela kanye iVaya eyafumana ngayo ukwaziwa ngabathengi bamazwe ehlabathi. Ngokutsho kuka Makamo, kulapho kwaqalisa ukonyuka iintengiso zabo bethengisela abantu kumazwe ehlabathi.
UBlack Coffe waqalisa waithenga wazinxiba ngethuba kwakugqugqisa ngokumandla intsholongwane yeCovid-19.
IVaya ngoku ithandwa ngabantu beminyaka eyohlukeneyo. uFerguson uthe ngoku uzinxiba ngokuzingca eziteki emva kokuba wazibona kwintombi yakhe.
Kwaye sele zifikelele nakumazwe aseAfrika. Iqela elikhulu kwibhola ekhatywayo eTanzania iSimba FC, lizinxiba njengenxalenye yomakufanwe balo.
“Ndiyazingca ngenqanaba esele ifikelele kulo imveliso yeVaya sneakers kwaye ndiyayibulela inkxaso,” utshilo uMakamo.
Uhambo lwakhe lukhuthaza osomashishini, lubonakalisa ukuba ngokunyamezela, intshisakalo kunye nokuzibophelela kumgangatho ogqibeleleyo, uyakwazi ukufikelela kwimpumelelo.
Umfanekiso ongasentla: NguThemba Makamo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthuyelwe