Imbambano yasemgaqweni: Inkampani yakwa Intercape inyanzelisa intlawulo kuBheki Cele 

Ngu Zukile Majova

Akukho nomnye umntu osele ebotshiwe emva kokuba inkampani yebhasi i-Intercape yavula amatyala alikhulu namashumi amathandathu okudelelwa, ukuhlaselwa kunye nokubalala kuleninyaka mithathu idlulileyo. 

Kulamatyala. alishumi elinesine enzeka ngempelaveki. 

Inkampani yakwaIntercape yafumana isigunyanziso kwinkundla ephakamileyo yaseMakhanda inyanzelisa lowo ubesaya kyba ngumphathiswa wezothutho uFikile Mabalula ukuba akhusele ibhasi zomgama omde koonqevu abayinxalenye yecandelo lezithuthi zika wonkewonke iitaxi. 

Ukuhlaselwa kwebhasi zinabakhweli ngaphakathi kuyaqhubeka, kwaye izinga lonyukile kulonyaka ingakumbi kwidolophu ezifana neIdutywa, eButterworh naseNgcobo kunye nezinye idolophu zephondo leMpuma Kapa. 

Samsung Galaxy 14G

Ingqonyela yakwaInterCape uJohann Ferreira uthe abanayo enye indlela ngaphandle kokuba banynzelise intlawulo kumphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheli Cele, emva kokuba izithuthi zabo ziphinde zahlaselwa kwakhona ngempelaveki yePsika.  

“Ngempelaveki yepasika besele sineziganeko ezibalekayo zokuhlaselwa kwebhasi zakwaIntercape, ingakumbi kwiphondo leMpuma Kapa,” utshilo uFerreira exelela iqonga lendaba ueNews Channel. 

“Asinayo enye indlela kulemeko, asikwazi ukuhlala sibukele kungekho nto siyenzayo, sibukela iibhasi zethu, nabahubi bethu junye nabakhweli behlaselwa ubusuku nobusuku.” 

Uthe eziziganeko zixhaphakileyo zisukela ekubeni ibhasi zabo zixulutywe ngamatye ukuya ekubeni zidutyulwe. 

Kwinyanga ephelileyo, omnye ukhweli uxelele iqonga lendaba iScrolla.Sfrica ukuba ubenentlahla ukuba abe uyaphila emva kokuhladselwa kudutyulwe ibhasi yakwaIntercape eyayidlula eCradock kweliphondo leMpuma Kapa. Kungoku nje lomkhweli unyanzelisa intlawulo kwinkampani yakwa Intercape ngomonzakalo awawufumanayo. 

UFerreira uthe imibutho yetaxi kwezinye iindawo zephondo leMpuma Kapa ifikelele kwisisombululo sokuba zibhangiswe iibhasi zemigama emide, nto leyo yenza ibe zindawo ezinganyathelwayo zibhasi zemigama emide. 

“Xasiyeka ukusebenza kwezindawo sivalwe kuzo, bathi abanikazi beetaxi bathenge iibhasi zabo, kwaye bathuthe abantu ebesibathutha,” utshilo. 

“Zizenzo abazi cebileyo; ukhupha umntu okhuphisana naye ngokumoyikisa nobindlobongela, emva koko uthathele kuwe ushishino.” 

kwidolophu apho iibhasi zihlselwayo kweliphondo leMpuMa Kapa, amapolisa asekuhlaleni ayohluleka ukukhusela iindawo zokuthatha abantu zezibhasi. 

Kumaxesha amaninzi, ezidolophu azinazo izitishi ezikhuselekileyo, ngako ke abakhweli basemngciphekweni omkhulu xabekhwela ezibhasi ngelixa abaqhubu beeTaxi besekwi mpi neebhasi malunga nemizila. 

Umfanekiso ongasentlaL Ibhasi yakwa Intercape 

Imvelaphi yomfanekiso: ikhasi lika Twitter