
Ngu Everson Luhanga
Uyise kaGqr Nandipha Magudumana uCornelius Sekeleni kunye nomsebenzi owayesebenzela inkampani yawa G4S uSenohe Matsoara babekwe ityala lokubulala, ukutshisa, ukuba ngumqobo kubulungiswa kunye nobuqhophololo.
Esisibini sinxulunyaniswa netyala elibandakanya isidlwengu esele sigwetyiwe, esiphinde sibe ngumbulali uThabo Bester oweqayo entolongweni. UBester weqa entoilongweni emva kokuzenza ngathi ufile ngonyaka ka2022, encediswa nguMagudumana, ekukholeleka ukuba yinkosikazi yakhe ngokwesintu.
USekeleni kunye noMatsoarta bebevele kwinkundla kamantyi eBloemfontein ngoLwesibini emva kokubanjwa kwabo ngempelaveki.
Umtshutshisi uxelele inkundla ukuba bavumelene nenkundla namagqwetha ukuba lirhoxiselwe umhla weshumi elinesixhenxe kulenyanga kaTshazimpuzi elityala, sele kusenziwa isicelo sebheyile.
Lenkundla ibizele ime ngembambo ngamajelo endaba ezekuchola-chola elinqaku.
Utata kaNandipha ubenxibe ijesi engomnqwazi elihlaza kwaye ecocekile echebe nditsho nentshebe, ngelixa lowo wayesebenzela inkampani iG4S ubenxibe ijesi eshushu egreyi.
UBester wabanjwa ngoLwesibini eArusha eTanzania emva kokweqa kwakhe eziseleni kunyaka ophelileyo.
Elibanjwa leqileyo, belikunye nesinqandamathe salo uNandipha kunye nommi waseMozambique ngethuba lokubanjwa kwakhe.
Kwelinye icala, iziphathamandla zelizwe loMzantsi Afrika ezithathe uhambo zaya eTanzania zisebenzela ukubuyisa esisibini, sibuyele kwilizwe loMzantsi Afrika.
Umfanekiso ongasentla:Utata kaGqr Nandipha uCornelius Sekeleni kunye nalowo wayesebenzela inkampani kaG4S, uSenohe Matsoara
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter