Kurhanelwa unyawo lwemfene olonakalise umbane eTshwane 

Ngu Zukile Majova

Izenzo zolwaphulomthetho kunye nokonakaliswa okucetyiweyo zizinto ezirhanelwayo njengonobangela wokonakala kweziseko ezingundoqo zonikezelo lombane kude kufuphi nohola wendlela uN4 Highway eTshwane ngeCawa. 

Oku kubangele ukungabikho kombane kwindawo ezinizni kulomasipala umbaxa wambethwe ziingxaki. Kulindeleke ukuba yonke indawo yemizimveliso yaseWaltloo ingabinawo umbane isithuba esingange veki enye.  

Inkampani ezikhoyo kulendawo ziquka inkampani yezithuthi yakwaFord, evelisa izithuthi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu ezigqityiweyo ngosuku.  

Ukanti iimveliso zimengxi nakwezinye iinkampani ezilishumi elinesihlanu ezivelisa amalungu athi okwakhiwa kweezithuthi, ezisebenzisana nenkampani yakwaFord njengoko zakhiwa ngokwaziwa ukuba zibe kummandla waseWaltloo zonke. 

Samsung Galaxy 14G

Ezinye iinkampani ezikhoyo kulommandla ziquka iSA Breweries, inkampani ebhaka izonka iAlbany Bakeries kunye nevemkile yezixhobo zokwaka iChamberlain Hardware. 

Yimimandla engamshumi amane anesibini ethe yachaphazeleka, kuquka iindawo zamashishini, ilokishi eziphambile, kunye nelokishi yaseMamelodi. 

Usodolophu waseTshwane uCilliers Brink umemelele ukuba kwenziwe uohando kwinkolelo yokuba kukhona izizenzo zolwaphulo mthetho ezikhoyo kulenyewe.  

“Phakathi kwezinto endizicelileyo, kukuba ndifumane amaxesjha okulungiswa kweziziseko (ipylons) kuba kuyacaca ukuba lukhona uhlaselo olungekho mthethweni olwenzekileyo,” utshilo. 

“Kunokwenzeka ukuba ukulungiswa okungekho mgangathweni nako kudlale indima.” 

Ingqonyela yenkampani yakwaFord Motor Compoany SA uNeale Hill uthe lenkampani ayizi kubanamveliso de kube ngumbindi weveki ezayo. 

“Sinawo amandla alinganiselwa ku13.5 MW ajonge ixesha lentlekele esiwafumana ngesolar kwindawo yethu yokusebenza, kodwa lomlinganiselo unokumelana kuphela nekota yezidingo zethu zamandla.” UHill uxelele iqonga lendaba eNews channel ukuba oku okonelanga ukuqhuba umsebenzi wenkampani.  

Kungekudala uFord utyale imali engaphezu kwe$1 billion (R18.4 billion) ukuphucula iimveliso. Oku kuquka icandelo letoni ezingamashumi amathathu lepress, ekulicandelo lokulungisa ukufakwa kwemibala kwizithuthi elidinga amandla ekunokuthenjelwa kuwo. 

Oku kuzakuba nefuthe elibi nakwezinye iindawo ezithengisa imveliso zakwa Ford kwilizwe jikelele, kuba zixhomekeke ekubeni zifumane iimveliso ezintsha kwi-mkampani engundoqo yakwaFord.  

“lamashishini entengiso nawo azakunyanzeleka avale, nangona engekho kummandla waseTshwane,” utshilo uHill. 

UBrink kunye nomphathiswa wezombane uGqr Kgosientsho Ramokgopa batyelele indawo wexhwayelo apho konakele khona iziseko zombane. 

Umfanekiso ongasentla: Ipylon emoshakeleyo kude kufuphi nohola wendlela uN4 Highway eTshwane 

Imvelaphi yomfanekiso: @CityTshwane