Impumelelo yeANC kunyulo oluzayo ilele ekuphelisweni kocimi-cimi wombane! 

Ngu Zukile Majova

Eyona nto idingwa ngumbutho weANC ukuphumelela ulonyulo oluzayo, kukuba iphelise inkqubo yokucinywa kombane okanye iyinciphise ngoku mandla. 

Imibutho ephikisayo ijonge ekubeni ingxuba kaxaka yokunqongophala kwamandla nombane kweli iye inyuka nangakumbi njengoko kujongwe kulonyulo lonyaka ka2024. 

Umbutho weANC owaphumelela ngevoti ezikumyinge ka 57.5% kuzwelonke kuvoto lukazwelonke ngonyaka ka2019, usemngciphekweni wokuba ungakwazi kuphumelela ngokucacileyo kuvoto oluzayo.  

Ngonyaka ka2021 kuvoto loorhulumente basemakhaya yaphumelela ngomyinge ka45.5% kuphela.  

Samsung Galaxy 14G

Intswelangqesho, urhwaphilizo, ukunyuka kwezinga lokuphila kunye nokutshabalala kweziseko zezona zinto zilindeleke ukuba zithathelwe ingqalelo ngabavoti abazakuvota.  

Kodwa ayikho efikelela kunkqubo kacimi-cimi wombane, etyabula imali efikelele kuR1 billion ngosuku, esele inciphise ukuhluma koqoqosho ngomyinge ongaphezu kuka 2% yadodobalisa amathuba okudala imisebenzi kuwo onke amacandelo.  

Umphathiswa wesebe lezamandla uGwede Mantashe uthe urhukumente wombutho weANC uzakwenza konke okufanelekileyo ukwenza uzinzo kwicandelo lezamandla kunye nokuphelisa inkqubo yokucinywa kombane kwiinyanga ezintandathu ukuya kunyaka. 

UMantashe uthe ukuba ucimicimi wombane kuphela kwesixhobo esisetyenziswa yimibutho ephikisayo kumaphulo ayo okugaya ivoti, kucacile ukuba umbutho weANC uzakuohumelela kwakhona.  

“Ndiyakholwa ukuba ngenkqubo eqhutywa ngumphathiswa wezombane, inkqubo kacimi-cimi wombane iakusombululeka kwiinyanga ezintandathu ukuya kunyaka njengoko bendiqikelela. 

“Ukuba kuphela kwento abantu abacinga ukuba bazakusikhuphela yona kumbuso, kuzakukiu funeka bexoze mphini wumbi,” uMantashe uxelele iqonga lendaba iNewzroom Afrika. 

Ukufumana isisombululo kwinkqubo kacimi-cimi wombane kuzakutshintsha ngokupheleleyo izinto kwicandelo lezopolitiko, njengoko kusondela olona voto lubalulekileyo kuMzantsi Afrika ukusukela kuvoto lonyaka ka1994. 

Inkqubo yokucinywa kombane ngoyena mceli mngeni uhamba phambile ukubekelaphantsi ngokumandla iinzame zika mongameli uCyril Ramaphosa ukuvuselela elilizwe. 

Urhulumente kaRamaphosa ukwazile ukunqumamisa inkqubo yokutyiwa kwemali kumaqumrhu karhulumente etyabula imali yabarhafi engaphezu kweR1 trillion kwiminyaka elishumi.  

Kodwa iinzame zokuvuselela ilizwe loMzantsi Afrika libe kwindawo efanelekileyo yokuba libe yeyonandawo bajonge kuyo abatyali zimali, kusengelwa phantsi yinkqubo yokacimi-cimi wombane. 

Inkokheli yombutho weDA uJohn Steenhuisen ikhokhele iinzame zokumanya imibutho ephikisayo kwezopolitiko, eyohlukeneyo kwilinge elibizwa “iMoonshot” ukuba imanyane ukulwa umbutho weANC. 

Umfanekiso ongasentla:  Umbutho weANC udinga ukulungisa ingxaki yokucinywa kombane ukuba ifuna ukuphumelela kuvoto oluzayo 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter