
Ngu Doreen Makgolo
Umhlolokazi kaChris Hani uLimpho Hani, ubhengeze iinkcukacha ezothusayo kwisikhumbuzo sokukhumbula ukusweleka komyeni wakhe kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo.
Uthe umbulali womyeni wakhe uJanusz Walus wanikwa ingqawule kuba engazange aphendule kwincwadi yokuxolisa awayeyibhalile, abanga ngelokuba zange ayifumane.
Ethetha kwisikhumbuzo eThomas Nkobi Memorial Park kumgaqo iHeidelberg, eElispark ngomvulo, uLimpho Hani uvakalise ukudana ngakwintloko yecandleo lezobulungiswa uChief Justice Raymondo Zondo ngikunika uWalus ingqawule.
UWalus wabulala uChris Hani oliqhawe lomzabalazo ngakurhulumente wegconenzelo, ngaphandle kwekhaya lakhe eDawn Park eBoksburg, ngomhla weshumi kwekaTshazimpuzi ngonyaka ka1993, kunyaka nje ngaphambi kokuba kubanjwe u;onyulo lokuqala olukhululekileyo kweli.
ULimpho Hani uthe zange afumane ncwadi yokuxolisa esuka kuWalus kwaye akazi nokuba ibimalunga nantoni.
Ubalise nangokukhathazeka kwakhe yinkundla yomgaqo siseko weli, esithi yohlulekile ukukhusela usapho lwakhe.
Lomsitho ubeliqonga lokuba uLimpho Hani athethe ngendlela olwachaphazeleka ngayo usapho lwakhe kukufa komyeni wakhe kunye nobunzima obujamelene nosapho lwakhe.
Kwisimemezelo esohlukileyo, inkulubaphathiswa yephondo laseRhawutini uPanyaza Lesufi ubhengeze iinkcukatha zorhulumento lwamaqela aphikisayo akhokhelwe ngumbutho weANC kunye neEFF.
ULesufi usebenzise lomsitho ukuzibophelela ukuvuselela ukuhanjiswa kwenkonzo kulomasipala umbaxa, atyhola ngelithi ukuhanjiswa kwenkonzo bekungakhange kuthathelwe ngqalelo lurhulumento pbelukhokhelwe ngumbutho weDA.
Uphinde wabalula ukuba ukwakhiwo lwedyunivesithi iEkurhuleni University kumisiwe iinyanga ezilishumi elinesithandathu, phantsi korhulumente obukhokhelwe yoDA.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Limpho Hani
Imvelaphi Yomfanekiso: Ngu Doreen Makgolo