
Ngu Bathandwa Ndlangisa
Iinyawo zigcwele udaka kuAyanda Allie njengoko enesakhono kumacandelo ehlukeneyo. Ngexesha lakhe uke wangunondaba, uke wafumaneka kwezopolituiko ngoku, uyafumaneka kwezomculo.
Kungekudala eligqiyazana lineminyaka engamashumi amathathu anesithandathu likhuphe ingoma yalo ethi “We The People” kwaye lengoma izolileyo intetho yayo ilwisama nemiceli mingeni yasekuhlaleni efana nokungoneli, ukuxhaphaza amadla obunkokheli kunye nokucalu calula.
Le ngoma iyinxalenye yohambo lwakhe lomculo apho azakuophela ekhupha icwecwe elipheleleyo.
Kudliwano ndlele olukhethekileyo, uAllie uvumile ukuba uluntu lungothuka yindlela nentetha ayikhethileyo kumculo wakhe.
“Ndiyaqonda ukuba abo bandazi kuohela ngomsebenzi wam kumajelo eendaba nakwezonxibelelwano, balindele ukuba ndihlale ndinjalo ndingalivakalisi ilizwi lam, ndingayeqi imida,” utshilo uAllie. Indima yakhe kumajelo endaba nezonxibelelwano ziquka ukuba ngusomlomo walowo ubesaya kuba ngumphathiswa wezothutho uFikile Mbalula waphinda wafunda iindaba kwiqonga lendaba i-eNCA.
“Ngako ke ndiyaqonda ukuba nangona bewonwabela umculo wam, bayothuka sisibindi endinaso sokubiza ifotsholo ngefotsholo kumculo wam.”
Xa ebuzwa ngokuba ulindele luhambe njami uhambo lwakhe kwicandelo lenkciubeko, uthe uthathe isigqibo sokuba afake onke amandla akhe, ixesha lakhe kunye nemali esakha ikamva lakhe kwezomculo.
“Umculo yiyona ntp ndiyiothanda kakhulu. Ndaqala ukuzimanya nomculo ndisemncinci esikolweni naseCaweni. Ngako ke ndizimisele kakhulu ngakento yomculo. Kangangokuba kwixesha leveki njee ezimbalwa ndizakube ndikhupha icwecwe lam eligcweleyo.”
UAllie akafuni kubeka umculo wakhe ngokwentlobo ethile yomculo.
Ukubeka umculo wakhe ngokwe candelo elithile akuyonto ayifunayo kuba izakumvalela ekoneni ngokobuchule bakhe.
Isigqibo sika Allie sokungena kwicandelo lomculo, lilandela uluhlu olude lweentatheli ezike zazama kwicandelo lomculo.
Ezintatheli ziquka uLukhanyo Calata – intatheli yeNewzroom Afrika eyaziwa ngomsebenzi wayo kwicandelo lezendaba. Aphinde abe yimvumi esele ikhuphe icwecwe lomculo we Jazz, adlale ipiano kwaye abengumbhali weengoma.
UNikiwe Bikitsha owaziwa njengomfundi weendaba kunye nomsasazi. Aphinde abeyimvumi ethanda umculo wehip-hop.
Kuphinde kube nguTshepo Tshola owayesaziwa kakhulu ngomculo weJazz kunye nemvumi yomculo wokholo eyaqala ngokuba yintatheli.
Umfanekiso ongasentla: UAyanda Allie
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe