Ngu Lungi Langa
Ngabantu abahlanu abasweleke kwingozi equka ezithuthi zohlobo lweloli ezintlanu, izithuthi ezincinci kunye nebhasi ezincinci, kwindlela ekude kufuphi naseCerada kwiphondo laKwaZulu-Natal eMidlands.
Emva kwalengozi ngokuhlwa kwaNgomvulo, isebe lezothutho laseKZN lilumkise abaqhubi ukuba baqaphele xabehamba kuhola wendlela uN3 ePietermaritzburg, njengoko lomgaqo ubuvaliwe ixeshana emva kwalentlekele.
Kwimbalelwano ekhutshwe lisebe isithethi sesebelezothuthu eKZN uKwanele Ncalane uqinisekisile ukuba ebuncinaneni ngabantu abahlanu abaphulukene nemiphefumlo yabo.
“Abantu abahlanu baswelekile ngelixa uninzi lufumene ukonzakala kule ngozi imasikizi. Lengozi iquka iloli ezintlanu, ibhasi ezincinci ezisibhozo kunye nemoto ezincinci ezingamashumi amabini anesibini,”nitshilo imbalelwano ekhuthswe lisebe.
Uthe imeko inyanzelise iziphathamandla ukuba zivale umgaqo wezithuthi eziyangasemazantsi phakathi kweHilton neCedara, esingisa eJohannesburg. Ngaxeshanye uholawendlela uN3 osingisa emantla (esixeko saseThekwini) nawo unyanzeleke ukuba uvalwe ukuze kubbelula ukuhamba kwezithuthi zoncedo lokuqala lwezempilo olusingise kwindawo yexhwayelo.
Ngexa yenkungu, kunye nemvula engephi, abaqhubi babongozwe ukuba bahlengahlengise indlela abaqhuba ngayo.
Ngokuhlwa isithethi secandelo lenkonzo zempilo ezikhawulezileyo kwiphondo laseZKN uRobert McKenzie uthe iingxelo zisangena malunga “nokuba bangaphi kanyekanye abantu abalanduleleyo eli, kunye nabafumene umonzakalo” kuba abasebenzi benkozo zempilo zokuqala basekwindawo yexhwayelo benyanga abo badinga unyango. Uthe lendawo isentsha kakhulu ukuba ingasetyenziswa enva kwesisiganeko, abantu kufanele bahambele kude nayo.
Uthe “uninzi lwabantu abonzakeleyo lubalekileselwe esibhedlele”. Noxa kunjalo abasebenzi benkonzo zokuqala zempilo basebenze ngokuzinikela bezama ukukhulula umntu omnye osavaleleke kubugoxo bezithuthi.
UMcKenzie uthe nangona ungekaziwa unobangela walengozi, kusalindeleke ukuba uphandwe ziziohatha mandla, kuyaqondwa ukuba llendawo ibiyonganyelwe yimozulu embi ngenxa yenkungu. Wongeze ngelithi abasebenzi boncedo lwempilo lokuqala basekwindawo yexhwayelo, kunye necandelo lentlekelo liyancedisa ingakumbi kubaqhubi abanezithuthi ezibandakanyeka kulentlekele.
Umfanekiso ongasentla: Izithuthi ezingamashumi amathathu anesihlanu ezibandakanyeke kwingozi yedlela eKZN.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter