Kubanjwe uyise kaGqr Nandi kwingxuba kaxaka yakwaBester 

Ngu Everson Luhanga

Zitshintsile kwakhona iitafile kundabamlonyeni webholo lesidlwengu esisebenzisa ikhasi likaFacebook uThabo Bester, njengoko kukhona ubungqina obothusayo.  

Njengoko iqhuba indima yobuxoki, kufunyaniswe ukuba uGqr Nandioha Magudumana, osebenzisana noBester, unokunxulumana okothusayo netyala eli – kwaye utata wakhe ubanjiwe! 

Kubungqina bakutsha nje kweliyelenqe lolwaphulo mthetho uquka uZolile Cornelius Sekeleni, obonakale ukuba ungutata ka Magudumane kunye nomsebebenzi owayesaya kuba nguwarden kwiziko esebe lezoluleko eMangaung. Kukule ntilongo yokhuselo oluluqilima apho uBester wathi weqa wabaleka ngenyanga ka kunyaka ophelileyo. 

Usekeleni ubanjwe ngoLwesihlani ePort Edward ngelixa omnye umrhanelwa uSenohe Matsoara naye owayesebenza kulejele ebanjwe eBloemfontein kusuku olulandelayo. Bobabini abarhanelwa bancedisa uBester ukuba eqe, kwaye bazakuvela enkundleni ngoLwesibini. 

UBester kunye noMagudumana abagcwele amathafa, ekugqibeleni bade babanjwa eArusha eTanzania ngobusuku bangoLwesihlanu. Umphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele uqinisekisile ngoMgqibelo ukuba babanjwe ngamapolisa aseTanzania kunye ne Interpol. 

Ukweqa kukaBester eziseleni kuzise amahle oninzi kuquka amazwe ehlabathi, njengoko esenza yonke into ukuqinisekisa ukuba akabanjwa kwakhona, kuquka ukwenza ofileyo ukubhida umkhondo kwiziphathamandla. Njengoko ubegwetywe ikminyaka emide ngamatyala okudlwengula amanina amabini, kwaqale kwakholelwa ukuba utshabalele ngokutsha ngumliloemva kokuba kwafunyanwa umzimba ekwakukholelwa ukuba ngowakhe kwigumbi awayegcinwe kulo, waxelwa njengoswelekileyo. 

Noxa kunjalo, uphando lwakutsha nje lomnombo lubonakalisa ukuba umziba womntu owafunyanwa kwigumbi lakhe yayingengomzimba kaBester, nto leyo ivusa imibuzo emininzi kunokuba inike iimpendulo. Umphathiswa uCele ubhengeze ngomGqibelo ukuba kuqaliswe uphando lokubulala, njengoko ubunini bomzimba owafunyanwa kwelagumbi ungaziwa ukuba ngokabani. Uphando lubonakalisa ukuba ixhoba labulawa kukubethwa ngesixhobo esingekho bukhali entloko kwaye lalisele liswelekile ixhoba ngethuba litshiswa.  

Uphando olengezelelweyo lubonakalisa ukuba uBester, kunye nawayesebenzisana nabo kubasebenzi basentolongweni, babeka lomzimba kwigumbi lakhe, elingu Cell 35 kwiziko laseBloemfontein, kwinzame zokulahlekisa iziphathamandla. 

Ukanti uMagudumana yena, owaziwa ngoGqr Nandi, iingxaki zakhe kusekude ukuba ziphele, Ngaphandle nje kokubandakanyeka kwakhe kwiyelenqe lokuqhwesha kukaBester, logqirha ujamelene nezityholo zokuba ubesenza iyelenqe lombutho wabangcwabi mbumbulu. Iingxelo zithi, wathatha imali yokuhlawulela abantu abantu abathathu, awafaka ibango lokufa kwabo wafumana izizumbulu zemali engazange ayenze intlawulo kwintsapho zamaxhoba. 

Umfanekiso ongasentla: UGqr Nandipha Magudumana (ekunene) kunye no tata wakhe uZolile Cornelius Sekeleni (ekunxele) 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe