Ikholeji yezolimo izakuncedisana nabalimi becuba labathwa eNtabankulu

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Abalimi becuba labathwa eNtabankulu, bazakuphila ubomi obungcono emva kwesibhegezo sokwakhiwa kwendawo yokushicilela nokunkcolwa kweemveliso zezolimo kwikholeji Ingwe TVET College. 

Icandelo laleColeji elizakujongana nezolimo elizakube lizinze kumhlaba waseNtabankulu, izakube iyeyokuqala kweli phantsi kweIngwe kulolonke eli, kwaye izakuvulela ithuba lentengiso zecuba labathwa ngokusemthethweni kubalimi belicuba kulommandla. 

Oku kubhengezwe kwiveki ephelileyo ngumasipala wasekuhlaleni iNtabankulu kweliphondo leMpuma Kapa emva kokuba lomasipala ufumeme incwadi yesibophelelo esuka kwisebe lemfudo ephakamileyo kunye nesabelo mali ezakuisetyenziswa kwisigaba sokuqla solwakhiwo lwalekholeji. 

Lomsebenzi uzakwenziwa ngokwezigaba, nalapho kubekelwe bucala imali efikelele kwizigidi ezisibhozo zeeRandi kwisigaba sokuqala solwakhiwo. Ekusisigaba esiquka ukubiywa kweiza, ulwakhiwo lwemibhobho yokuchitha amanzi, imisebenzi yoemikhulu yokulungiswa komhlaba kunye nokulungiselela ulwakhiwo lweziseko. 

Ngokwembalelwano ekhutshwe lisebe lemfundo ephakamileyo, ikholeji Ingwe TVET sele inawo amaphephamvume okulima icuba labathwa kwaye izokwazi ukunikezela ngezimpepha mbvume kubalimi belicuba abazakuba yinxalenye yoluphuhliso.  

Isithetho somasipala waekuhlaleni iNtabankulu uLungisile Mzanywa uthe ezolimo lelonacandelo lifihlakeleyo elinokusetyenziswa ukuphuhlisa uqoqosho lwalommandla.  

UZolile Mtolo ongusihlalo weMantlaneni Co-operatove, ekuliqumrhu labalimi becuba labathwa uthe oku kuthetha ukuba iphupha ekudala benalo lokuba benze iimveliso zesisityalo bezenza kufutshane namakhaya azakufezekiswa ekugqibeleni. 

“Sifuna okwenza zonke iimveliso zamafutha aluncedo enziwa ngelicuba, kunye nezinye iimveliso, kwaye oku kuthetha ukuba sizakuba nendawo esemthethweni esizakuthengisa kuyo isivuno sethu, xasele sifumene amaphephamvume okuyilima,” utshilo uMtolo. 

“Sinethemba lokwenza ngcono iimpilo zethu, ingakumbi ngoku singazunyanzeleka siyekwezinye iindawo ukuya kufumana uqeqesho. 

Umfanekiso ongasentla: Isityalo secuba labathwa esele sivuthwa 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe