
Ngu Thabisa Ndzindzwa
Iyaqhuba inkqubo yokuvalwa kweendllela, kumiswa izithuthi zigqogqwa kwidolophu kunye nakudederhu lwevenkile kweliphpndo leMpuma Kapa, kusongezwa imbonakalo yamapolisa njengoko emanxadanxada ukuqinisekisa ukhuseleko lwabemi kunye nabatyeleli ngalempelaveki yepasika.
Umkomishinala wamapolisa wephondo leMpuma Kapa uNjengele Nomthetheleli Mene ukhuphe isigunyaziso sokuba amacandelo ohlukeneyo enkonzo yesipolisa atyale amapolisa oneleyo ngaphambi nangentsuku zepasika, itshilo imbalelwano ekhutshwe yinkonzo yesipolisa.
Kuzakubakhona ugqogqo ezindleleni ezikwimida, oohola bendlela kunye nemigaqo kazwelonke.
Ngokusebenzisana nabathathi nxaxheba obohlukeneyo, iqumrhu iEastrern Cape Liqour Board kunye namagosa eendlela ephondo baqalise kwakwiveki ephelileyo ukuqhuba iphulo lika Fika uPhila.
“Umyalezo wethu kubaqhubi ngowokuba ‘ungaqhubi uphantsi kwempembelelo zotywala, utwala mabulinde’,” Isithethi sequmrhu elijongene neentengiso zotywala kweliphondo leMpuma Kapa uMgwebi Msiya uxelele iqonga leNdaba iScrolla.Africa.
Uthe bashumayela lomyalezo ngokubanzi kuba utywala bafunyaniswa ukuba ngoyena nobangela weengozi eezininzi kweliphondo, ngelixesha lepasika.
“Sifuna ukunciphisa iingozi zeendlela ezindleleni kwaye sonwabile kuba akukho ngozi imasikizi sele yenzekile okwangoku, nto leyo ibonisa ukuba abaqhubi bethu balisabele elikhwelo,” wongeze wenjenje uMsiya.
Ukanti isithethi sesebe lezothutho uUnathi Bhinqose uthe ngoLwesine belungekabikho utshintsho kumthamo wezithuthi ezingenayo neziphumayo ezindleleni zephondo. Balindele ukuba unyuke umthamo wezithuthu ukusukela ngenzulu zobusuku.
Umfanekiso ongasentla: Amalingu equmrhu lentengiso zotywala eMpuma Kapa kunye namagosa amapolisa ezendlela beqhuba iphulo lokhuseleko ezindleni eNdabakazi phantsi komasipala wasekuhlaleni uMnquma
Imvelaphi yomfamnekiso: Ikhasi likaFacebook