
Ngu Lungi Langa
Usodolophu wombutho weIFP uMfananaye Mathe ugxeke kabukhali ukuqhomfwa kwezisu kunye nokuthandana kwabantu besini esinye etyhola ngelithi “akuhambisani nentando kaThixo”.
Noxa kunjalo, ilungu elidala lombutho weIFP lithe, ezo ayizozimvo okanye imigaqo yombutho weIFP.
UMathe ubethetha kwintlanganiso yamalungu amabandla ebihleli ebutsheni baleveki kuthandazelwa ukhuseleko ngexesha leholide zepasika, uMathe ubongoze abavoti ukuba bafunde imigaqo siseko yamaqela ezopolitiko ngaphambi kokuba bavote ukuze babone ukuba “iyambiselana kusini na neemfundiso zikaThixo”.
Kwiminyaka emithathu edlulileyo ngethuba uMathe wayenguCeba, wabangela ukunxakama ngethuba wathetha ngomba wokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini apho wathi, “amanina makahlale engaselanga ukuze akwazi ukuphepha ukubulawa”.
UMathe uxelele inginginya yabantu kuleveki ukuba ayiloxanduva lwenkokheli yezopolitiko ukunika ilungelo umntu wasetyhini ukuba enze nokuba yintoni na ayifunayo ngomzimba wakhe.
Uvakalise ezizimvo nangona umgaqo siseko welizwe loMzantsi Afrika ukhusela ilungelo lakhe wonke ubani ukuba enze isigqibo ngomzimba wakhe, kwaye ukhusela amalungelo malunga nokuqhama kwande abantu beli.
UMathe ube semfuthweni kwintetho yakhe, kwaye ugxeke nobudlelwane babantu besini esinye. Ubange ngelithi abavoti abaxhasa imibutho yezopolitiko ekhusela ubudlelwane obuyilentlobo, bazakube balahla iivoti zabo.
“Ngumnqweno wam into yokuba ngaphambi kokuba nivotele umbutho othile ukuba uzuze amandla, ningafunda umgaqo siseko walombutho ukuze nibone ukuba uthini ngoThixo kuba, sizakujonga kuni nifumanisa ukuba xa ningaphandle kwamasango enkonzo, nenza izinto ezingahambiselaniyo nelizwi likaThixo,” utshilo uMathe.
Umgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika uyakukhaba ukucalu calulwa ngokusingisele ngokwesondo, okanye isini.
UMathe unikezele ngoomakufanwe becawa abahlawulelwe nguMasipala kwabo bebekhona kulendibano.
Ukulhendula malunga nezinto ezithwe nguMathe, umlawuli wezonxibelelwano weIFP uLiezl van der Merwe uxelele iqonga leendaba uScrolla.Africa ukuba eliqela lizinze ngengcambu kwinkolelo zobuntu. Kwaye uxhasa nezimvo ezimalunga nokwakha usapho kunye nobomi bokuzikhethela,
Uphinde wongeza ngelithi lombuthu ukholelwa nakumalungelo akhuthazwa ngumgaqo siseko weli.
“Ukongeza, imitshato yabantu abanesini esinye kunye nokuqhomfa izisu zizinto ezisemthethweni eMzantsi Afrika, kwaye siyayihlonipha imithetho yelizwe lethu. Xa ezizigqibo zibekwa phambi kwepalamente kuvotwa amalungu ethu epalamente siwanika ukukhululeka ukuba bavote kwizinto abaziva besoneliseka zizo. Ekugqibeleni lilungelo lomntu ngamnye ukuthatha isigqibo sento afuna ukuyenza ngomzimba wakhe nokuba ngubani afuna ukumtshata,” utshilo.
UVan der Merwe wongeze ngelithi nabanina ovakalisa izimvo ezohlukileyop kwezi, akavakalisi zimvo namigaqo yombutho weIFP.
Umfanekiso ongaseentla: Usodolophu womasipala wasekuhlaleni iJozini enikezela ngoomakufanwe becawa, kumarhamente ecawa yaseZion ngaphambi kwempelaveki yepasika. Phakathi kwabo bebekhona yimvumi yomculo wokholo uThulani Manana.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe