
Ngu Khaya Ndaba
IDaveyton yidolophu edume ngezenzo zolwaphulo mthetho, iphinde yahlaselwa zizenzo zobundlobongela ezisube imiphefumlo yabantu ababini ngethuba losing ulwano xa bekuphangwa isithuthi esihambisa imali.
Amaxhoba adutyulwe esendleni esingisa emsebenzini. Iziqhushumbisi kunye nembumbulu bezongamele kummandla waseChiefA Luthuli Park makunga nentsimbi yesixhenxe kusasa ngoLwesithathu.
Ngokokutsho kwabaziboneleyo, imeko ibifana “nendawo yempi”, apho bekudutyulwa ngeembumbulu ziphuma kwisithuthi esixhobileyo sequmrhu lakwa Fidelity Services Group, ngelixa isithuthi seBMW sedan besivutha amadangatye ngumlilo. “Bekungathi sibukele umboniso bhanya bhanya owenzeka nyani,” utshilo omnye umhlali.
Abaziboneleyo bathi ngelixa isithuthi esixhobileyo besihamba kule ndlela, isedan ebiqhutywa ngabarhanelwa ifike yagaleleka kuso, sabangela ukuba iphume endleleni.
Emva kokuba simile, abarhanelwa baqhushumbise iingcango zesithuthi semali zavuleka. Akukacaci ukuba zeziphi iziqhushumbisi abazisebenzisileyo, inkonzo yesipolisa isondeze iingcali zokuhlola indawo yolwaphulo mthetho, kuquka negqiza elijongene neziqhushumbisi ukuba ziohande ngesisiganeko.
Oluqhushumbiso lulandelwe zizandi zodubulo phakathi konogada bemoto exhobileyo kunye neqela labarhanelwa ebexhobe ngokumandla.
isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe uthe abarhanelwa babaleke nesixa mali esingadizwanga, beshiya ngasemna intlekele nokungazinzi kulommandla.
Emva kokuba lwehlile uthuli, abahlali bazibone bebaleka kuzozonke indawo befuna ukhuseleko, nalapho abanye babo befumene ukonzakala ngenxa yokuwa bezama ukubaleka.
nangona iingxelo zisithi amaxioba amabini aswelekele kwindawo yexhwayelo, mnye kuphela oswelekele kwindawo yexhwayelo, ngelixa owesibini abalekiselwe kwisibhedlele iFar East. Ngelishwa uchazwe njengoswelekileyo kafutshane nje emva kokufika kwakhe esibhedlele.
Esisiganeko siyinxalenye yothotho lweziganeko zoqweqwediso olugubungele idolophu yaseDaveyton, apho abophuli mthetho besonakalisa kuledolophu.
Icandelo lenkonzo yesipolisa yomasipala Ekurhuleni liqinisekisile ukuba unogada obeyinxalenye yoludubulo ufumene umonzakalo ngenxa yokudutyulwa kwaye ubalekiselwe kwesinye isibhedlele ukufumana unyango.
Amapolisa sele efumene izithuthi ezintathu ebebebaleka ngazo abarhanelwa, eziquka isedan egolide yakwa BMW etshileyo, isedan esele kunye ne Audi A1 emhlophe.
Ibutho lamacandelo ohlukeneyo alwisana nolwaphulo mthetho athunyelwe ukuba aye kukhangela ababarhanelwa baxhobileyo.
Njengoko inkonzo yesipolisa nezinye iziphathamandla beziqokelela ubungqina kwindawo yexhwayelo, abaqhubi nabahlali bacetyiswe ukuba bangasondeli kwindlela iPutfontein Road.
Ubundlobongela bolwaphulo mthetho obenzeka eDaveyton abubonakalisi zimpawu zokuncipha, kwaye abahlali baphila ngoloyiko, basoloko bezibuza ukuba ingaba sizakwenzeka nini esinye isiganeko sohlaselo.
Umfanekiso ongasentla: Isithuthi seBMW sedan esigoldi sisitsha; Isithuthi esixhobileyo siqhushumbiswe savuleka
Imnelaphi yomfanekiso: SAPS