Isilumkiso: Ibala lemidlalo olithandayo lingaba yindawo yolwaphulo mthetho

Ngu Razeen Gutta

Izenzo zokunganyaniseki, kugqitywe ngeziphumo zomdlalo ungeka qali zezinye zezenzo ezinobungozi kakhulu kulwaphulo mthetho lwezemidlalo, kwaye kuya kusiba nzima nangakumbi ukuzibona ezizenzo. 

Oku kudizwe nguTom Harding ongumlawuli wobuchwepheshe nophando kwiqumrhu iSportradar Intergrity Services. Kwaye kuvakale ukuba abantu abapheka lamayelenqe kwezemidlalo kungenzeka babekumabala ezemidlalo, belungele ukuphazamisa abadlali bambi bathethe nabo ngendlela ezifihlakeleyo. 

Ezinye zezindlela zifihlakele kangangokuba zingangaqapheleki ngokufanayo nje nokothula umnqwazi okhusela elangeni. 

“Ziya zisiba yimfihlo nangakumbi kuleminyaka kwaye azikhwazi bani. Ukhulule umqwazi okanye uwunxibe, sike sazibona,” utshilo uHarding kwiqonga iAFP. 

“Ukuba ubani unxibe umqwazi kuzakfuneka wenze into ethile, njengoku vala amanqaku. Ukuba uyawukhulula kuthetha ukuba kufuneka wenze into ethile.” 

Kodwa uSportsradar ukhona kulamatyala. Nalapho abathathi bemifanekiso bebasebenzisa ukubeka iliso kubalandeli, bekhangela “abobantu banokunika iintsingiselo kubadlali,” utshilo uHarding. 

“Zikhona iikhamera ezibonisayo. sijonga ngaphambi komdlalo, ngexesha lomdlalo kunye nangasemva kwawo ukuba ngoobani abathetha nabadlali, sijonge ukuba ikhona kusini na into abatshintshiselana ngayo isipho okanye imali. Ekugqibeleni ibala lemidlalo lilo indawo yolwaphulo mthetho.” 

Ayomidlalo emincinane kuphela echaphazelekayo. ISportradar isebenzisana namaqumrhu kunye neligi zemidlalo ezingaphezu kwekhulu namashuni amahlanu, kuquka iFIfa ukuze ezemidlao zihlale zicocekile. Nangona kukhona imidlo engaqondakaliyo efikelele kwiwaka namakhulu amabini aneshumi elinesibini kwintlobo zemidlalo elishumi elinesibini kumazwe angaphezu kwamashumi aluthoba ngonyaka ka2022, uHarding uqaphele ukuba imidlalo ephambili kweli ifikelele ku99.5% ngokubamsulwa kungabikho mayelenqe. 

Kodwa abalandeli mabaqaphele, ukothula nje umnqwazi okanye ukhulule ijakhethi kungaba kubonakalisa eyona nto yake yankulu kulwaphulo mthetho. 

Umfanekiso ongasentla: Umfanekiso wolwaphulomthetho kwezemidlalo 

Imvelaphi yomfanekiso: @dna