Iphondo laseRhawutini liphehlelele izithuthi ezintsha zoncedo lokuqala lwezempilo

Ngu Karabo Rammutla

Urhulumente wephondo laseRhawutini uphehlele izicwangciso zokulungiselela iholide zepasika, ezakube ibanjwe okukuqala kwiminyaka emithathu ngaphandle kwemiqathango yeCovid-19. 

Esisibhengezo sothulwe ngethuba kuphehlelwa ngokusesikweni izithuthi ezintsha zoncedo lokuqala lwezempilo ezingamakhulu amabini anamashumi amabini anesihlanu eMamelodi, ezizakwabelwa izithili ezihlanu zaseRhawutini. 

Umphathiswa wezempilo iNomantu Nkomo-Ralehoko obephelekwe yinkulubaphathiswa uPanyaza Lesufi, uthe ezizithuthi ziquka izixhobo zodidi oluphambili kwezobuchwepheshe kunye nezixhobo zonyango.  

Ezizithuthi zintsha zathengwa ngonyaka mali ka2022/2023 ukuqinisekisa ukuba akukho phazamiseko ukukhawulelana nemeko yempilo engxamisekileyo. 

Samsung Galaxy 14G

UNkomo-Ralehoko uthe ezizithuthi zongezelelweyo zizakuphucula ixesha lokusabela kwiimeko ezingxamisekileyo, njengoko iziphatha mandla zilindele iziganeko ezongezelelekileyo kwimimandla eyohlukeneyo kwelaphondo.  

Kusenjalo, ubingoze abahlali ukuba bangabonzakalisi abasebenzi bezempilo. Abasebenzi benkozo yokuqala yezempilo bake bajamelana nokuhlaselwa bakhuthuzwe ngethuba besabela kwiziganeko ezingxamisekileyo. 

“Ezi zingilosi zenu eziluhlaza, ndiyanicela ukuba ningazonzakalisi. Bazele ukunceda impilo yenu. Kubi kakhulu kuba ebusuku ezingelosi ziyoyika ukusabela kwiziganeko ezenzeka kwimimandla ethile,” utshilo.  

ULesufi ubongoze abemi ukuba bathathe uxanduva ezindleleni ngempelaveki yepasika.  

“Akukhomntu kufuneka alinde ixesha elide. Njengoko sisiya kwimpelaveki yepasika sonke masithathe uxanduva ezindleleni, kodwa ukuba kwenzeka ingozi  sizakusabela ngokukhawuleza ngezizithuthi zoncedo lokuqala,” utshilo.  

Lomsitho uqalise ukonakala ngethuba kufika igquba labasebenzi bezempilo bexesha le Covid 19 befika beqhankqalalza kulentente.  

Ingxelo zithi izivumelwano zengqesho zeligquba labasebenzi ziphele kwiveki ephelileyo, banyanzelisa ukuba baqeshwe ngokusisigxina. Umphathiswa kunye nenkulubaphathiswa babambe intlanganiso esekhusini neliqela kwisikhululo sezicima mlilo saseMamelodi. 

Umfanekiso ongasentla: Inkulubaphathiswa yaseRhawutini uPanyaza Lesufi kunye nomphathiswa wezempilo uNkomo-Ralehoko bephehlelela iphulo lokulungela ipasika eMamelodi. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Karabo Rammutla