
Ngu Everson Luhanga
Ngenjikalanga yangoMvulo, indoda ifumene umxeba ovela kwinkosikazi yayo, isithi ithunjiwe.
Abathumbi banyanzelise intlawulo enkulu kakhulu ukuze akhululwe, kwaye kukhutshwe nomboniso oshicilelweyo othunyelwe kumajelo eendaba. Lo wasetyhini ubebonakala ebotshiwe etyholweni kwindawo yaseClay Field Drive ePhoenix kwiphondo laKwaZulu Natal, kuvakala nesandi sokukhokhwa kompu ophinde wadubula ngethuba ebongozela ukuba bamsindise kunye nemali yomyeni wakhe.
Okumangalisayo kukuba, lonke eli ibiliyelenqe!
Emva kophando olwenziwe ngamapolisa, kufumaniseke ukuba lenkosikazi ixokile ngokuthi ithunjiwe kuba ibifuna ukufumana imali kumyeni wakhe.
Umyeni obekhathazekile ubehleli enoloyiko lokuba into efana nalen ingenzeka. Kuba uqhuba amashishini aphumelelayo, nto leyo ibangela ukuba yena nenkosikazi yakhe babengabantu abasesichengeni sokuthunjwa.
Ubengazange acinge ukuba inkosikazi yakhe izakuba yiyo eququzelela ukuthunjwa kwayo.
Kwimizuzwana emva komnxeba wokuqala, uphinde wafumana owesibini. Kwelityeli ubengalazi lizwi lomntu obefona. Lendoda ingaziwayo yenze isinyanzeliso sentlawulo ukuze kukhululwe inkosikazi yakhe.
Kumboniso oshicilelweyo, lowasetyhini ogamalakhe lisankonyiweyo, ubonakala emile emahlahleni phakathi kwengca ende eluhlaza kwaye kuvakala nesandi seentaka eziculayo.
Lo wasetyhini emva koko uyathetha, esenza ngathi uthetha nabathumbi bakhe ababambe ikhamera.
“Mfo bafuna uze neR2 million ukuze ndikwazi ukubuyela ekhaya, utshilo edyengezelisa inyembezi emehlweni.
Uphinde wajonga ecaleni kude nabathumbi bakhe, abebeme bengavela kolushicilelo.
“Kodwa umyeni wam akanayo iR2 Million, ndiyamazi akanayo.” uthe xa egqiba isivakalisi sabe sisitsho isandi sompu kudutyulwa watsho ekhala.
Ilizwi lendoda lithe lavakala limxelela lisithi: “Hayi yitsho!” Waphinda watsho : “Kufuneka uze neR2 million ukuze ndikwazi ukubuyela ekhaya.”
Emva kophando lwamapolisa kufumaniseke ukuba lowasetyhini, ubeliphekile iyelenqe lokuthunjwa kwakhe kwaye wanyanzelisa intlawulo kumyeni wakhe osisityebi.
Kungoku nje amapolisa ambambe lo wasetyhini uneminyaka engamashumi amane anesixhenxe, kwaye ubekwa ityala lokuxoka. Ukanti indoda engaziwayo ebesebenza nayo ayikabanjwa okwangoku.
Isithethi samapolisa kwiphondo laKwaZulu-Natal uColonel Robert Netshiunda uthe amapolisa afumene isikhalazo sokuba kukhona owasetyhini ekurhanelwa ukuba uyathunjwa kwindlela iClay Field Drive ePhoenix ngokuhlwa kwangoMvulo.
“Kuxelwe ukuba lowasetyhini ushiye indawo yamashishini kuba eye kusebenzisa indlu yangasese ekhayeni lakhe, elikumgama ongephi kunye nesakhiwo samashishini.”
UColonel Netshiunda uchaze ukuba umyeni ufumene umnxeba kungekudala emva kokuba ehambile umfazi.
Lo wasetyhini ubevele phambi kwenkundla kamantyi eVerulam ngoLwesithathu.
Ufanekiso ongasentla: Umfanekiso othathwe kishicilelo lomboniso wenkosikazi ebanga ngelithi ithunjiwe kumyeni wakhe.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.