
Ngu Khaya Ndaba
Imveliso entsha yomculo wokholo uThixo awonwabelayo, ngumculo womdaniso!
Ndinothulela uThuso Wa Sibili oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, oyinzalelwane yase Alexandra odume ngokudibanisa iintlobo zomculo ezimbini, umculo wokholo kunye nomculo we House.
Uhambo lukaThuso lwaqala eneminyaka esibhozo ngethuba wayeqalisa ukuculela ikwayara yeCawe yakhe. Ukusukela ngoko isakhono sakhe oko sasiphekwa silindele ukuba sophulwe.
Ngoncedo luka Tiiso Mosoeu asebenzanaye kwisikhululo sikanomathotholo iVeritas FM ngonyaka ka1998, italente kaThuso ebisoloko ifihlakele yafumana ukwaziwa kwaye wafumana ithuba elizakumthuma ukuba akhangele amaphupha akhe okuba yimvumi.
Kungoku nje lomama, unabantwana ababini uchaza umculo wakhe njenge “conscious house music” edibanisa ezinto ezimbini azithandayo, icawe kunye nomdaniso.
Ukholelwa ukuba uThixo uyasondela kubantu abathanda umdaniso, kwaye injongo yakhe kukudibanisa lamazwe mabini ngomculo awuvelisayo.
“Siyazi njani ukuba uThixo uthanda umculo wokholo? Siyayazi ukuba kungenzeka ukuba uyasondela kuthi ngethuba sisebumnandini sidlala umculo wokonwaba,” utshilo uThuso.
UThuso usemtsha kwelicandelo, kodwa sele esebenze nemvumi ezingosaziwayo ezizenzele igama kwelicandelo afanano Tribe Franko, uKing Monanda kunye noDJ Mondlane.
Umculo awawukhupha ngonyaka ka2021, ubanzi kakhulu ngeziganeko zobomi bakhe. Lomculo uthethe ngezinto adlule kuzo, kunye nemvakalelo zakhe nto leyo imenza aqaqambe kuninzi olukwelicandelo.
UThuso akacebi kubuyela mva ngokukhawuleza. Uzakube ebambe iseshoni yakhe yokuqala yokumamela Kwindawo yokutya iCuisino Restaurant eMelrose Arch ngomhla weshumi kwekaTshazimpuzi, kwaye uceba ukukhupha ingoma enye ebudeni balonyaka. Kukhangeleka ngathi uThuso Wa Sibili uzakuthatha indawo yakhe kwicandelo lomculo kwaye uThixo ngokuqinisekileyo uzakube edanisa ecaleni kwakhe!
Umfanekiso ongasentla: NguThuso Wa Sibili
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe