
Ngu Rakabo Rammutla
Umthetho obekela bucala inkululeko yabo bathandana besisini esinye opasiswe ngurhulumente waseUganda, ngumthetho onyhasha amalungelo oluntu.
Lowo ibingumyalezo wenkokheli yoMbutho weEFF uJulius Malema obekhokhele umngcelele eTshwane ngoLwesibini kwiinzame zokuphikisana nalomthetho.
Amakhulu abaxhasi bombutho weEFF kunye namatshantliziyo eLGBTQI+ aseUganda ebegcwalise izitalato zasePitoli njengoko bebebambe umngcelele osuka eMagnolia Park usiya kwiofisi zekomishoni ephezulu yaseUganda.
“Silapha ukuzakuthi kuMuseveni, ukuba abantu abayinxalenye yeLGBTQI+ abakhululekanga eUganda, nathi asikhululekanga. Intlungu yabantu baseUganda yintlungu yethu,” utshilo uMalema.
UMalema uthe baye kulekomishoni kuba bephikisana nokubulawa kwabantu, kuba lomthetho “ububuvuvu”.
Ngenyanga yoKwindla kulonyaka ipalamente yaseUganda ipasise lomthetho ungavumeli bantu bathandana besisini esinye kwelalizwe, nalapho isohlwayo esiqatha ibe kukubulawa kunye nokuvalelwa eziseleni malunga namatyala ayamene noku.
Lomthetho ulindele ukuba umongameli uYoweri Museveni awutyikitye ube uyapasiswa ngokupheleleyo ubesemthethweni.
“Ukuba uMuseveni uyayazi into emlungeleyo, kufuneka angawutyikityi ubesemthethweni lomthetho. Kungenzeka ukuba uMuseveni ungomnye wabathandana besisini esinye, kwaye uzakuphumela elubala kungekudala, kodwa kancinci kancinci uMuseveni uzakuphumela elubala,” utshilo uMalema.
Uthe lomthetho uzakusetyenziswa ukulwa amadabi emibutho ephikisayo.
Umalema uthe abo banxulumene nosopolitiki abazujamelana neziphumo ezibi zalomthetho uyilwayo.
“Lomthetho ujoliswe kubantu abahluphekayo kunye nabo bangenanxulumano kwezopolitiko. Sayibona indlela awayemphethe ngayo uBobi Wine. Lomthetho ungamenza athi uBobi Wine ngomnye wabathandana nesini esinye kuba efuna ukususa endleleni umgqatswa ophikisana naye,” utshilo.
UPapa De, olitshantliziyo uxelele lenginginya ubunzima ajamelene nabo njengomntu othandana nabantu besini esinye.
“Ndiyintatheli ethatha imifanekiso ndikwanguye nomfundi wasedyunivesithim kodwa ndanyanzeleka ukuba ndiziyeke phakathi zifundo zam ngenxa yokubekwa ityala. Ndabethwa kwaye ndabanjwa kuba ndindim,” utshilo uPapa De.
“Bazakuzifihla ixesha elingakanani bengenayo nemali ebangenelayo? Sizingelwa okwezilwanyana. Abantu bethi bayadlwengulwa. Kutheni singazukwazi ukuba sithi, silale naye nabanina esifuna ukulala naye?”
Umajor General Fred Ociti Tolit oligosa lomkhosi weUganda People’s Defence Force, wamkele uxwebhu lweziphakamiso zombutho weEFF kwaye uthembise ukuba uzaludlulisela kubantu abafanelekileyo.
Umfanekiso ongasentla: UJulius Malema ebongoza umongameli waseUganda uYoweri Museveni ukuba angawupasisi umthetho obekela bucala abathandana nesini esinye
Imvelaphi yomfanekiso: NguKarabo Rammutla