
Ngu Anita Dangazele
Emva kosuku olude emsebenzini, uCarol-Ann Magielies ubesele engxamele ukufika ekhaya aphumle.
Kwimizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa kwangeCawa, waphuma kumasango esibhedlele iLife St Georges’s Hospital eGqeberha. Kungekho waziyo ukuba oku kuzakuba kokokugqibela ephuma kulamasango.
UMagielies, obesebenza njengomamkeli oneminyaka engamashumi amane anethoba kwesisibhedlele, wayezakungena kwisithuthi sakhe ngethuba umrhanelwa emtsalela bucala wamdubula izihlandlo ezihlanu ngaphambi kokuba acele kwabanentsente.
Uphando lwamapolisa lubonakalise ukuba, umrhanelwa nguElgin Maghienda oneminyaka engamashumi amahlanu ananye, owayesakuba liqabane lakhe.
UMagielies wabuyiselwa ngaphakathi esibhedlele, apho asweleke kungekudala engqongwe ngabanye babantu abesebenza nabo.
Amalungu osapho lwakhe amchaze uMagielies njengomama obenothando olumangalisayo kwaye obesondelelene kakhulu neentombi zakhe ezimbini, ezihlala ePitoli.
Ngelixa usapho lukaMagielies belunethemba lokuba umthetho uzakudlala indima wayo, iimpendulo zibuye ngokukhawuleza.
NgoMvulo amapolisa abizelwe kwityotyombe ngakwiinduma zesanti eMarine Drive, kude kufuphi nomyezo wemvelo wedyunivesithi iNelson Mandela, apho kufunyenwe umzimba kaMaghienda, kufutshane nawo kwafunyanwa umpu. Umrhanelwa kukhangeleka ngathi uzibulele.
Isithethi samapolisa uCaptain Sandra Janse van Rensburg uthe amapolisa axelelwe ngomrhanelwa ozibuleleyo eMarine Drive.
“Abantu abahlala kwityotyombe ngakwiinduma zesanti abone indoda ehamba kwindlela iMarine Drive ngokuhlwa kwangeCawa.
“Baye bamnika indawo yokulala wachitha ubusuku kunye nabo,” utshilo uJanse van Rensburg.
Ngentseni yangoMvulo, abahlali belityotyombe bahambile baya kwindlu ekufutshane apho bagcwalisakhona iibattery zemfono mfono zabo.
UMaghienda ube salele kwelityotyombe ngelixesha.
Kodwa bathe xabebuyela ekhayeni labo, bafumanisa umzimba wakhe emva kokuba ezidubulile. Umpu ufunyaniswe kwindawo yexhwayelo.
Amalungu osapho luka Maghienda abiziwe ukuba aze kwindawo yexhwayelo ukuya kufanisa umzimba.
UJanse van Rensburg uthe akukho sandla semfene sityholwayo kukufa kwakhe, kwaye umpu uthunyelwe ukuba uyohlolwa.
Amapolisa athi kubanjwe umrhanelwa obeqhubela lowo wayesakuba liqabane lika Magielies ngethuba lokudutyulwa komfikazi. Umrhanelwa uzakuvela enkundleni yamatyala yaseGqeberha ngoLwesithathu, umhla wesihlanu kwekaTshazimpuzi.
Umfanekiso ongasentla: Kuboniswa imbumbulu
Imvelaphi yomfanekiso: SAPS