
Ngu Celani Sikhakhane
Uninzi lweelokishi eziphambili zaseThekwini zaziwa ngezakhiwo zazo ezinqabileyo, amabala achetywe kakuhle kunye neetlawulo zika masipala ezibizayo kunye nezinye iintlobo zentlawulo ezidingekayo.
Kodwa kukhangeleka ngathi, abantu abanemali badiniwe ziindleko eziphezulu ezayanyaniswa nobomi beedolophu ezinkulu, kwaye babalekela kwindawo ezisemaphandleni.
Uninzi lwabo babalekela kumhlaba welali eziphantsi kwe-Ingonyama Trust kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Phantsi kolawulo lwenkosi zemveli akukho zindleko narhafu ihlawulwayo ukuhlala kulo mhlaba, nto leyo iwenza ubenomtsalane kubantu abanemali abajonge ukuhlala benemali.
Inkosi uMthokozisi Mathaba uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba abantu abahlala kulemihlaba yasemaphandleni bahlala simahla, kwaye bahlawula kanye xa behlawulela ukufumana umhlaba kuphela.
Ezona ndawo zidumileyo ezitshintshwe zaba ngamazulwana asemhlabeni abantu abanemali ziquka iAdams, ekumazantsi eTheku phantsi kweMakhanya elibhunga lenkosi zemveli, indawo yaseMacambini phantsi kwebhunga lenkosi zemveli iMathaba, eyakhiwe kude kufuphi neelwandle ezikumantla ephondo laseKZN, kunye nendawo ETafuleni ephantsi kwebhunga lenkosi zemveli iMaqadini ekumantla eTheku.
UZanele Maphumulo, oyingcali kwintengiso yezakhiwo, uchaze ngelithi uninzi lwabantu lushiya kwindawo zedolophu ezinkulu ngenxa yemeko ezohlukeneyo.
“Uninzi lwabantu bafudukela kwindawo zasemaphandleni kuba eThekwini awusekho umhlaba wamamgcwaba. Emaphandleni umhlaba wamangcwaba ufumaneka simahla kwaye ukhuselekile,” utshilo.
Ukongeza kukuba indlu exabisa izigidi ezibini zeeRandi eThekwini, inokuxabisa ngaphantsi kwamawaka angamakhulu amahlanu eeRandi kwindawo zasemaphandleni, kwaye kungekho ndleko zongezelelweyo zokuhlawula umasipala nezinye iintlawulo.
Kwezinye iindawo abantu bangathenga umhlaba ngemadlana encinci elingana namashumi amane amawaka eeRandi.
Kutyelelo lwakutsha nje kwezindawo zasemaphandleni, iqonga leendaba uScrolla.Africa ufumanise ukuba amakhaya amaninzi aphila impilo entle kwindawo zenkosi zemveli.
Abantu abanemizi emikhulu baquka abasebenzi baseburhulumenteni, osomashishini, abashishini ngeziniki maxabiso kunye nosopolitiki.
Ingqonyela yeiThala Development Bank Group uPearl Bhengu ubhegeze ukuba ngoku bayakwazi ukunikezela ngemali mboleko yokwakha kubantu abahlala emaphandleni, nto leyo yenza kube lul nangakumbi ukufudukela kwezindawo.
Umfanekiso ongasentla: Umzi omkhulu e-Inanda phantsi kwebunga lenkosi zemveli Amaqadi
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Celani Sikhakhane