Izikrelemnqa zigwetywe ngaphezu kwamakhulu asibhozo eminyaka eziseleni.

Ngu Everson Luhanga

Izikrelemnqa ezintandathu ezinobungozi, ezisoloko zixhobile kwaye zilungele ukugalela ngembumbulu ngalolonke ixesha zigwetywe iminyaka engamakhulu asibhozo namashumi amane anesithathu idityanisiwe, zithothoza eziseleni ngamatyala angamashumi amathandathu anesibhozo. 

Ngokuncediswa ngabasebenzi bebhanki, lamalungu eqela lolwaphulo mthetho ebesebenza eRhawutini, eMntla Ntshona kunye naseLimpopo begacela abasebenzisi bebhanki abakhupha iimali ezinkulu.  

Ngokwaziswa ngabasebenzi beethili zebhanki, abanqevu bebelandela abantu abakhuphe iimali ezinkulu ebhankini babakhuthuze bebakhombe ngemipu. 

NgoLwesibini, amalungu amahlanu eliqela loonqevu agwetye yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini ezinze eJohannesburg ngamatyala aquka ukuba yinxalenye yoshishino ngequmrhu olungekho mthethweni, ukuthimba, ukuphanga, ukubulala, urhwaphilizo, ukuvumelana ngeyelenqe lokwenza izinto ezingekho mthethweni kunye nokufunyaniswa nemipu kunye nembumbulu.  

Samsung Galaxy 14G

Esisithandathu ngu Vusumzi Jomo Mazibuko oneminyaka engamashumi amane anesithathu, uXolani Comfort Mkhwanazi oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, uShaun Khumalo oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uVusi David Sibanyoni oneminyaka engamashumi amane ananye, uSticks Nkuna Bhova oneminyaka engamashumi amane anesithandathu kunye noCalvin Cingo Mabunda oneminyaka engamashumi amane.  

UPhindi Mjonondwane osisithethi seNOPA eRhawutini uchaze indlela efihlakeleyo ebesebenza ngayo lemigulukudu.  

“Emva kokufumana inkcukacha kwamanye amalungu elibutho ebebe beke iliso kubantu abakhupha imali kwithili zasebhankini, bathi bathumele inkcaza yamaxhoba abo kwamanye amalungu abo,” uchazile.  

Emva koku lamalungu “ayabalandela baye kwindawo ezingekho sidlangalaleni, okanye amakhayeni abo ukuze babakhuthuze imali abayikhuphileyo, nezinye izinto ezifana nemfono mfono kunye nesipaji semali.” 

Uthe lamadoda aqalisa ukwenza lomsebenzi eRustenburg ngonyaka ka2011 ngethuba bezama ukuphanga iposi eMabeskrall ngokuthimba omnye wabasebenzi, ababecingela ukuba unizitshixo zendawo ekhuselekileyo ehlala imali.  

Bahamba nomsebenzi lowo bawenza kwiphondo laseRhawutini, apho ngenyanga yeThupha ngonyaka ka2013 babeka iliso kuJohan Joseph Meyer kunye nenkosikazi yakhe bekhupoha isixa mali ebhankini.  

“Umntu owayebajongile wanikezela ngeenkcukacha kwabanye asebenza nabo abalandela esisibini sisisiya kwikhaya laso apho uMeyer wakhuthizwa ekhonjwe ngompu kwaye wadutyulwa wabulawa.  

“Baphinda balendela abasebenzisi bebhanki eBooysens, eKlipriver nase Vereeniging  besebenzisa indlela ezifanayo,” utshilo.  

UMjonondwane uthe kwisiganeko saseBooysens, inkcukacha zafunyanwa komnye wabatyholwa owayesebenza ethilini ebhankini, kwaye wahlawulwa ukuze akhuphe ezinkcukacha.  

“Baqhubeka nezenzo zolwaphulo mthetho eGiyani phakathi konyaka ka2017 no 2018, besebenzisa indlela efanayo ukuze bafumane amaxhoba amaninzi.” 

Uthe lemigukudu yade yabanjwa kwivenkile eGiyani apho yayilandela umsebenzi walevenkile owayekhe kwiyure ezingaphambili wabuyela kulevenkile evela kukhupha isixamali esikhulu ebhankini. Abaqweqwedisi babaleka kwindawo yexhwayelo, baleqwa ngamapolisa emva koko kwaqhambuka udubulwano. 

Wongeze ngelithi ababophuli mthetho baphinde badityaniswe zizinyathelo zeminwe nalamatyala, ukubonwa kweembuso zabo, ubungqina beengcali ezingabasebenzi beebhanki kunye nezinye iindlela ezisetyenziswayo ukufumana abarhanelwa kumatyala olwaphulo mthetho. 

Umfanekiso ongasentla: Amalungu oonqevu bebutho lolwaphulo mthetho olwenzeka eRhawutini, eMntla Ntshona nase Limpopo bekhuthuza amaxhoba akhupha izizumbulu zemali ezibhankini. 

Imvelaphi yomfanekiso: Igunya bantu lezotshutshiso