
Ngu Anita Dangazele
Ukuthunjwa kwabantu ngeenjongo zokuzuza intlawulo kuyanda kwiphondo leMpuma Kapa. Inkcukacha manani zakutsha nje zibonakalisa ukonyuka okumandla kweziziganeko, ngamatyala afikele kumakhulu amabini anamashumi amathathu anesibini axelwe kwinyanga yeDwarha ukuya kweyoMnga ngonyaka ka2022 – nto leyo ithetha ukuba eziziganeko zinyuke ngaphezu komyinge wamashumi amahlanu epesenti xa kuthelekiswa nexesha elinye kunyaka ka2021.
Oku akubonakali ngathi kuzakuhla kuba, kwiiveki nje ezimbini ezidlulileyo, uRiana Pretorius oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu wathunjwa efika emsebenzini eNewton Park eGqeberha. Kutyholwa ngelithi amadoda amathathu afika amthatha amfaka kwibhuthi yesithuthi sohlobo lweToyota Corolla emhlophe, oogxabakhe bebukele.
UPretorius wakhululwa kwiveki ephelileyo, emva kokuba abathumbi bakhe befumene intlawulo yeR1.1 million. Wathunjwa iintsuku ezisibhozo.
Isithethi sebutho lookhetshe kwiphondo leMpuma Kapa uYolisa Mgolodela uthe okwangoku, ngabarhanelwa ababini asele bebenjiwe babekwa ityala lokuthumba uPretorius.
“Umrhanelwa wokuqala wabanjwa ngosuku lokuthinjwa kwakhe emva kokuleqwa ngamapolisa. Ze owesibini wabanjwa ngoLwesithathu kwaye uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eGqeberha ngomhla wesihlanu kwinyanga kaTshazimpuzi,” utshilo.
Ummi waseChina oneminyaka engamashumi amane, wathinjwa kwishishini lakhe aliqhuba nomyeni wakhe kwilokishi yaseZwide eGqeberha. Abathimbi bakhe banyanzelisa intlawulo yamashumi amabini ezigidi zeeRandi, ukuze bamkhulule kwiiyure nje emva kokuthinjwa kwakhe.
Olusapho zange luyikhuphe imali yentlawulo. Kusuku emva kokuthunjwa kwakhe, ixhoba lakwazi ukuba ukuzikhulula. Walinda nje ukuba kuhlwe, waza wakwazi ukuphuma nge festile, watsiba udonga wakwazi ukuboleka umnxeba komnye umhlali ukuze akwazi ukutsalela abantu abazakumnceda.
Kumgama omalunga namakhulu asibhozo eekhilomitha, omnye usomashishini uHiiton Wicks, oneminyaka engamashumi amabini anesine, wathinjwa wagcinwa iintsuku ezintathu ngaphambi kokuba akhululwe kwibhulorho iKei Bridge, eyayisaya kohlukanisa i Former Transkei ne Ciskei.
Usapho lwakwa Wicks lunamashishini amaninzi eUgie naseNqanqarhu, eyayisaziwa nge Maclear, ashishina phantsi kwegama elithi KwaWicks, kuquka ivenkile yakwa Spar, ivenkile yakwa Build It kunye negaraji yokutha amafutha ezithuthi.
Ambalwa kakhulu amaxhoba afumana elithamsanqa. Usomashishini waseNelson Mandela Bay uAshraf Laher oneminyaka engamashumi amane anesihlanu, wagqibela ukubonwa ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga yeDwarha ngethuba amadoda awayexhobile ayemfaka kwisithuthi sohlobo lweBakkie awayeyiqhuba kwindawo yaseKorsten, ahamba naye.
Nangona amapolisa amilisela inkqubo ekhawulezayo yeeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini, kongezwa izixhobo zokuzama ukumfumana kwaye ibutho lokhetshe lathathela kulo oluphando, kusalindeleke ukuba afunyanwe.
Umlinganiswa osaze ngobuso ezweni okwangusaziwo kwiqonga lezinxibelelwano uTikTok uNicole Swartz oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, wanyamalala kwikhaya lakhe eGelvandale ngomhla wethoba kweyeNkanga, kwaye akakabonwa ukusukela ngoko. Usapho lwakwaSwartz luthe lwashiya ekhayeni lusingise emsebenzini; babeshiya intombi yabo isalele, bathi bebuya bafika ucango lwangaphambili luthe gengelele, indlu ibetha umoya ,kwaye kukhona isitya nekomityi yeti phezu kwakhabathi ekhitshini.
Olusapho alukafumani sinyanzeliso sentlawulo.
Omye umlinganiswa uAlmonré Roman, oneminyaka elishumi elinethoba walahleka emva kokuba engene kwisithuthi sohlobo lweKombi yakwa VW emhlophe, ngaphandle kwevenkile yakwa Pick n Pay eDispatch ngomhla wesihlanu kwinyanga yomnga.
Kwintsuku ezilandela emva koku, utata wakhe uWesley Uithaler wafumana isinyanzeliso sentlawulo semali efikelele kumawaka angamakhulu amabini anamashumi amabini eeRandi ngomyalezo, kunye nezigrogriso zokuba xa engahlawuli nentombi yakhe eneminyaka elishumi elinesibini izakuthathwa.
Umfanekiso ongasentla: Isihlangu sisiwa ngethuba lesiganeko sokuthinjwa
Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele