Yekani ukuphosa amaKrestu Kumhadi weengonyama

Ezemidlalo: Ukucela imali kutsalela ibhola yombhoxo ezantsi kumngxuma womvundla ngemidlalo engadibaniyo, kwaye engena ntsingiselo, kubhala uLucky Maree. 

AmaRoma ukuze agcine abalandeli bonwabile ayeneendawo zokubukela kubo bonke ubukhosi bawo. Into ababeyibiza “ngemidlalo” yayingeyonto ingaphezulu nje kwemidlalo yokuxhela apho imidlalo engaqondakaliyo yayihlala isenzeka.  

Inyaniso yeyokuba amaKhrestu angonwabanga ayenethuba elincinci kakhulu lokulwa ohlule ingonyama ehlaselayo okanye indlavini ephethe ikrele. Kodwa ke kwa ingonyama leyo yayinethuba elincinane kakhulu lokuphumelela xa ijongene neqela elikhalayo labalimi abaneepeki. 

AmaRoma ayenendlela yokuzonwabisa nokwanelisa iinkanuko zempalalo gazi yabantu abakruqukileyo nabangalawulekiyo. Utywala babufumaneka simahla ukubagcina benxilile. Yayingeyondlela ihloniphekileyo noko ke yona. 

Iintshatsheli zomzantsi Afrika ziyenza ngenxa yemali. Abanye bangayibiza ngokuba yindlela ephucukileyo – kodwa oku kuvela kwimbono yokuba imidlalo ayisabalulekanga – ngoku liqonga njee lokuba abantu bafumane imali. 

Kodwa ke kuyafuneka ukuba bathethelele lemidlalo ingapheliyo ngelithi, imibutho ijamelene nemiceli mngeni yezimali, ihamba nzima ukuhlawula iimali mboleko zabo. Kodwa nje yenye yeendlela zokuthi, ukuba usoloko uxakekile udlala kunzima ukukhumbula zonke iingaxi ojamelene nazo, nkqu nezi uzama ukuzilungisa. 

Kwimpela veki ephelileyo, siphele sisiba nemidlalo engapheliyo kwibhola yombhoxo. Kwimidlalo emihlanu, ukhuphiswano beluyimfazwe elungileyo – kuliwa ikrele ngekrele, ukutsho. IiSharks ziphendule imibuzo ethile ngempumelelo ngaku Munster. IStormers zidlale ibhola entle kakhulu zibetha iHerlequins ngendlela ekholisayo njengoko bekukho umda wamanqaku amane obubonakala. IiLions zona zithe zabalasela ekubetheni iRacing 92. ICheetahs zibonakala ziphumile kubunzulu bazo ngethuba bezidlala neToulon. IiBulls zikhangeleka njengamaKhrestu angaxhobanga  abaleka ingonyama esihla eStade Toulousain ngo 33-9. 

Lo midlalo ibonakala ingarhuqisi mrhaji, isiphene iba lixesha elide lokuhamba kunye nokutshintsha kwemozulu. Ingaba liyelenqe into yokuba yonke lemidlalo into efanayo kukuba iphunyelelwe ngamaqela ebedlalela ekhaya, angakhange achithe iiyure ezingamashumi amabini esendleleni?  

Asazi. 

Kodwa ke kwimidlalo yasekhaya, ingaba ithetha into yokuba iiLions zibetha I iSharks eEmirates Park? Ingaba kuthetha ukuba iiLions zinomfutho namandla ukodlula iqela ezidlala nalo okanye ithetha ukuba iiSharks ngoku zinomkhwa wokuba azikwazi kudlala ngaphandle kweSpringboks zazo? 

Asazi. 

Iqela laseKapa iWestern Province lifake iitries ezine kwenye yeqela lama Griqua aseKimberly. Ingaba ibeyimpumelelo eqatha ngakuma Griqua okanye iqela leProvince liyazivalela ebaleni lingakwazi ukuvala amacala amaninzi? 

Nakweli ityeli asazi.  

Iqela leGriffon lase Welkom lidlale ngokuzinikela labetha iiBlue Bulls ngamaphuzu amane. Ingaba iiBulls ziye zanikezela kuba zibona ukuba azisondelanga kumandla eqela lesigaba sokuqala.   

Asazi nto.  

Kowona mdlalo ubusonwabisa kulempelaveki, I iPumas, iiStonehouse Express yase Nelspruit ibaleke iitries ezilithoba eziqaqambileyo kumdlalo wazo neeCheetahs. Kodwa bekuzokwenzeka ntoni ukuba uRuan Pienaar kunye nabadlali beqela labo be A-team bebengekho phesheya?  

Asazi kwaphela, ingaba siyazi? 

Ngoku ayisenamsebenzi ukuba bangaphi abantu abakhoyo ezitulweni ( nangona kukuhle nje ukubona abalandeli abangama 33.00 kwibala laseKapa elihle). Eyona nto ibaluleke kakhulu yimali kamabonakude.  

Le ayikokuphela kwengxaki ekhoyo eMzantsi Afrika kuphela, kwihlabathi liphela amaqela ayasokola ukwenza imali, njengoko umceli mngeni wokushokoxeka kwezimali kubonakala nakumaqela aneminyaka elikhulu namashumi amahlanu ubudala afana neqela lamangesi iWorcester neeWasps ziyabonakalisa  

Kuzakuthatha I inkcuba buchopho eziqiqayo ngokwezimali ukuze kubekhona isisombululo. Ngethemba lokuba kwixa elizayo azakuba mbalwa amaxhego abadlali bebhola yomboxo asele besifa ngamadolo abazakubamba iintambo kwimibutho.  

Nokuba yintoni na isisombululo, kufanele zibekhona ezinye iindlela zokwenza imali kunokuba kuphoselwe amaKrestu kwingonyama. 

Umfanekiso ongasentla: Ibalalemidlalo iDHL ligcwele lime ngembambo kumdlalo weqela leStormers  

Imvelaphi yomfanekiso: The Stormers