Ulutsha oluzizamelayo kwezoshishino luwongwe ngembasa

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Abantu abatsha abalishumi abazibandakanye kwezoshishino bafumene iimbasa ezikwinqanaba eliphezulu ngenxaxheba abayidlalayo ukuzivulela amathuba emisebenzi nophuhliso lwasekuhlaleni, kwimbasa zokuqala zeEastern Cape Hustlers Awards.  
 
Kumnyhadala obubanjelwe eMonti eOrient Theatre ngoMgqibelo, iGedlumhlanga Youth Cooperative yaseMt Fletcher kumasipala wasekuhlalemi Elundini, ithathe indawo yokuqala kwicandleo lezolimo.  
 
Elishishini lendibanisela yabantu abatsha lilima imifuno kwaye banayo nemfuyo. 
 
Esamkela lembasa uNosipho Vuthela ongusihlalo weliqumrhu uthe baphumelele lembasa ngenxa yokusebenza nzima kwabo. 
  

“Uhambo lwethu khange lubelula. Sidlule ekubeni sikhatyelwe ngaphandle kwizicelo zenkxaso, sibelwe nemfuyo kodwa sanyamezela saqhuba nangona ikhona imiceli mngeni endleleni yethu,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.  
 
Kumhlaba abawulimayo olinganiselwa kumakhulu amabini anamashumi amahlanu anesibini ehectares, abawohlula phakathi kwemifuno kunye nombona, ngumhlaba olinganiselwa kwikhulu namashumi amahlanu kuphela obiyiweyo.  
 
“Silima iimveliso emva kokubona ukuba yintoni edingekayo kubantu esibathengiselayo. Sityale ikhaphetshu efikelele kumagaqa ayi60 000 kwaye satyala amazambane kumhlaba olingana ne60 Hectors.”   
 
Uthe ukufumana lembasa kuthetha lukhulu kubo, kwaye izakudlala indima enkulu ekwakheni ubudlelwane obutsha namanye amashishini kuquka necandelo labucala.  
 
“Ngoku sijonge ukuwenza iimveliso ezizezinye ngezinto esizilimayo. Sifumene uqeqesho lokuvelisa amafutha okupheka, kuba sesihleli sikwazi ukulima isunflower,” utshilo.   
 

Njengenxalenye yokwenza ishishini elizinzileyo, eliqumrhu lisebenzisana neenkampani zabucala ezifana neAfrica Seed, ebanike imbewu yombona abazakuyisebenzisa ukulima umhlaba olingana neHectors ezilikhulu kunyaka ozayo, kunye neSA Holdings ebancedisa ukutyala ingqolowa ngexesha lasebusika.   
 
Ngeliqumrhu, bakwazile ukuqesha abantu abangamashumi amabini anesithathu, abasebenza ngokwe sizini.  

Abathathi nxaxheba kwezimbasa, bebekhuphisana kumacandelo ohlukeneyo, ngaphandle kwezolimo amanye macandelo ebequka Umculo nezolonwabo, imveliso zeempahla, ezemidlalo, ezenwelo nobuhle, amashishini amancinci, ezotyelelo nokutya, amaqumrhu abucala okanye uphuhliso lwasekuhlaleni kunye naqonga leendaba. 
 

Samsung Galaxy 14G

Umseki wezimbasa uAnelisa Zono uthe, uchukunyiswe kukubona ihambo nzima yabantu abatsha bazama ukuzivulela amathuba engqesho ngokwabo.  

“Njengabantu abazizamelayo sidinga uncedo olukhawulezileyo. Bendifuna ukwenza into ezakubenza bafumane uncedo, bathathelwe ingqalelo kwaye bafumane inkxaso, kuba lendlela izele ngamahla ndinyuka,” utshilo exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

“Okwangoku sikwazile ukufumana izivumelwano zeentengiso abazakuxhamla kuzo bonke abaphumeleleyo, kwinkampani zabucala eMonti, kwaye bonke abebechongelwe ezimbasa bazakuba yinxalenye yoqeqesho lwamashishini apho bazakufumama izatifiki bakugqiba uqeqesho lwabo, ezizakubancedisa ukufaka izicelo zenkxaso mali.” 

Umfanekiso ongasentla: NguNosipho Vuthela weDlumhlanga Youth Co-operative kunye nembasa abayiphumelele ngoMgqibelo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe