IBCUC: Ibhiyozela iminyaka engamashumi amabini yomculo we psychedelic afro-pop 

Ngu Khaya Ndaba

Umculo ongaqhelekanga weAfro-psychedelic future pop, iBantu Continua Uhuru Consciousness eyaziwa ngeBCUC, ugqiba iminyaka engamashumi amabini wasekwayo.  

Eliqela lomculo lelokishi yaseSoweto kudala lonwabisa abathandi balo ngevuvuzela, umxhentso, amagubu, icongas, kunye nokucula ngamazwi ayimilonji ngelwimi ezohlukeneyo zeli, beshiya ababukeli bafuna umculo owongezelelweyo. 

Nangona zazikhona ingxaki ezazikhoyo ngexesha lokuqhambuka kwentsholongwane ye Covid-19 kwavalwa ilizwe, eliqela lakwazi ukuzilolonga kwaye livelise iingoma ezintsha, eziyinxalenye yecwecwe labo elitsha abalikhuphileyo, elithi Millions of US, belikhupha phantsi kwenkampani yaseLondon iOn The Corner. 

Elicwecwe liyinxalenye yemibhiyozo yabo yeminyaka engamashumi amabini, kwaye bazakube belithengisa kwindawo abazakuthi bacule kuzo.  

Samsung Galaxy 14G

Uhambo lwempumelelo yeqela iBCUC belungekho lula, kodwa eliqela lafumana ithuba elikhulu lokwaziwa nokuzibonakalisa ngonyaka ka2016 ngethuba becula kumsitho iTransmusicales Festival eFrance. Umculo wabo washiya abantu abangamawaka amane bengayivali imilomo ngesakhono sabo.   

Imvumi ekhokhele eliqela uKgomotso Mokone uthe ngaphambi kokuba baqale iqela iBCUC yayingumbutho nje wabahlobo abathanda izinto ezifanayo kunye nemibono kwintlobo ezohlukeneyo zenkcubeko. 

Umculo weBCUC ukwazile ukutsala abathandi kwihlabathi liphela, kwaye bakhe bacule kumaqonga ohlukeneyo ukuquka apha ekhaya eMzantsi kunye nakumazwe ehlabathi, afana neFete de Musica, ACCES Africa, kunye neBash Uhuru. 

Eliqela laqala mhla kwadibana uJovi no Cheez kwiziko lenkcubeko lasekuhlaleni eSoweto, baqalisa ukudlala isingqi sabo. Ekuhambeni kwexesha, aye esongezeleka amanye amalungu, nawo esiza nezawo izingqi ezahlukileyo. 

Ukucula kwabo kutsha nje kumnyadala we Constitutional Hill Human Rights Festival ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kweyoKwindla, kubonakalise isakhono sabo esigqibeleleyo, kubonakalisa ukuba eliqela liya lisiba namandla nangakumbi. 

Njengoko iqela leBCUC libhiyozela iminyaka engamashumi amabini, kunye nokukhutshwa kwecwecwe lalo, liyaqhuba nokukhuthaza abalandeli ngomculo wabo kunye nothando olungatshintshiyo ngento abayenzayo.  

Umfanekiso ongasentla: BCUC 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe