
Ngu Mlungisi Gumede
Kwisikhululo sokugcina iiloli eCatoridge ngaphandle kwaseThekwini ngeCawa, uSimon Mathebula uve kuhlasimla umzimba xa ecinga ngomngcelele wezithuthi ozakube usezindleleni zephondo laKwaZulu-Natal ngempelaveki yepasika.
Lo mqhubi uqhuba imigama emide, uMathebula umemelela abaqhubi ukuba balandele imithetho yeendlela ingakumbi ngexesha leeholide zepasika.
Impela veki yepasika isoloko yonganyelwe linali elikhulu leengozi zendlela ezisuba imiphefumlo yabantu kulo lonke eli.
IKZN yaziwa njengenye yendawo ezihamba phambili ngeengozi zendlela ngexesha lepasika, ngenxa yokuba eliphondo lityelelwa ngabantu abaninzi abasuka kumaphondo ohlukeneyo.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa uMathebula uthe iingozi zendlela zingaba yinto yezolo ukuba abaqhubi, bangaqaphela ezindleleni.
“Njengabaqhubi sidinga ukuhlonipha imithetho yendlela ukuze kuphele iingozi kuba uninzi lweengozi ezindleleni lubangelwa kukuqhuba ngaphandle kwenkathalo,” Utshilo uMathebula.
Inkulu baphathiswa yephondo laseKZN uNomusa Dube-Ncube ulandele ikhwelo lokuthatha amanyathelo ngokongeza izithuthi zamagosa ezendlela kunye nokufakelwa kwe khamera kuhola wendlela uPeter Brown Highway kude kufuphi naseHilton indawo eyaziwa ngokuthi ngeengozi zeloli.
Ukanti eliphondo belibambe umthandazo owandulela ipasika eNgcedemhlophe.
UDube-Ncube ubhengeze ukuba bafakele ikhamera kuhola wendlela uPeter Brown kufuphi naseHilton kweyona ndawo yaziwa ngengozi ezinkulu eziquka iiloli.
Noxa kunjalo, uMzwandile Zondi olilungu lequmrhu Ubumbano Driving Schools Operators Association kwiphondo laKwaZulu-Natal, uvakalise umsindo wakhe ngakumphathiswa wezothutho kwelaphondo uSipho Hlomuka ngokulibekela bucala iqumrhu labo ngethuba kuphehlelelwa izicwangciso zezokhuseleko.
“Sinenkxalabo kuba akukho budlelwane buhle bokusebenzisana phakathi kwethu nomphathiswa okhoyo wezothutho,” utshilo uZondi.
Uthe bavile ukuba urhulumente wephondo uphehlelela iphulo lokhuseleko lepasika ngeCawa kodwa khange bamenywe.
“Urhulumente wephondo uyasidinga ukulwa neengozi zendlela kuba sithi abaqeqesha abaqhubi. Abanokuyiphumelela lempi ngaphandle kwethu,” utshilo uZondi.
Umfanekiso ongasentla: Umphathiswa wezothutho wephondo laKwaZulu-Natal uSipho Hlomuka kunye nenkulubaphathiswa yelaphondo uNomusa-Dube Ncube, ngethuba kuphehlelelwa izicwangciso zokhuseleko ngempelaveki yepasika eNgcedemhlophe pohantsi komasipala uMsunduzi
Imvelaphi yomfanekiso: Zandile Shange/Iofisi yenkulu baphathiswa yaseKZN