
Ngu Thathe Msimango
Imbaleki eqaqambileyo yoMzantsi Afrika uWayde van Niekerk ubuyile kwaye ujonge igolide!
Lembaleki iyintshatsheli kumgama wemitha ezingamakhulu amane ithe yabalasela nangakumbi kusuku lokugqibela lokhuphiswano lwe South African Track & Field Champiomship ebelubanjelwe ePotchefstroom, eMntla Ntshona ngeCawa.
UVan Niekerk, obesoloko engekho mfuthweni emva kokulimala eqatheni, usebenze ngokungena lusini njengoko umjikelo omnye awubalekileyo ewugqibe ngexesha lemizuzu engamashumi amane anesine kunye nemizuzwana elishumi elinesixhenxe, elona xesha likhawulezileyo kwiminyaka emithandathu.
Le mbaleki ineminyaka engamashumi amathathu, ishiye imbaleki eyintshantsheli yehlabathi kuU20 uLyle Pillay njengoko ivelise ixesha elitsha elibangele intlokomo kwicandelo lembaleki kwihlabathi liphela.
“Ndifuna ukubaleka mpela, ukuze ibonakale italente yam,” uVan Niekerk uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa emva kokuphumelela kwakhe.
“Kuleminyaka imbalwa idlulileyo, ndinyanzeleke ukuba ndiqubisane nemiceli mngeni ethile ukuze ndikwazi ukomelela ndilungele ukubaleka ngokozimba nangokwengqondo. Ndingatsho ndithi namhlanje ndikwazile ukubaleka kakuhle kakhulu kwaye ndagqiba ngexesha elihle.”
Kukhangeleka ngathi uVan Niekerk akaphelelanga apha. Ngendlela abaleke ngayo, sele ekwazile ukufumana isithuba kukhuphiswano lwentshathseli zembaleki zehlabathi, iWorld Athletics Championships ezizakubanjelwa eHungary ngenyanga yeThupha.
Kwaye ujonge ukuba athathe enye imbasa, njengoko wayenzile kukhuphiswano lonyaka ka2017 olwalubanjelwe eLondon.
“Ndicinga ukuba ndingumgqatswa olungileyo ozakugqiba kuqala kwintshatsheli zehlabathi,” utshilo.
“Ndifuna ukubuyela kwakhona ityeli lokugqibela. Ndicinga ukuba ndingakwazi ukuzivuselela ukusuka kwindlela endibaleke ngayo kolukhuphiswano ndijonge phambili. Eyona nto ibalulekileyo kukuba ndingafumani konzakala, ndibaleke ngokuqaqambileyo.”
Umongameli weAthletics South Africa uJames Moloi ubengawuvali umlomo yindlela ebaleke ngayo lembaleki kukhuphiswano lweentshatsheli, ephakamisela bonke abaphumeleleyo.”Sonwabile yindlela ezibaleke ngayo iimbaleki kwezintsuku zintathu zeentshatsheli,” utshilo. “Imbaleki ezifana noVan Niekerk, uAkani Simbine, noPrudence Sekgodison babaleke ngokuzinikela benza umsebenzi omhle. Lo ngunyaka obalulekileyo njengoko sizakuba nentshatsheli zehlabathi kwaye ngoku sijonge kwi Olimpiki.”
Ihlabathi malilumke, uWayde Van Niekerk ubuyile kwaye usebenza ngcoko kunakuqala!
Umfanekiso ongasentla: Ngu Wayde van Niekerk
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi lika Twitter