
Ngu Doreen Makgolo
Umbutho weDA uthi iEFF ngowona mbutho ongabanika ubunzima kwaye ulutshaba lwawo njengoko kujongwe kunyulo lukazwelonke kunyaka ka2024.
Ngosuku lwesibini lwenkomfa yebhunga leDA yonyaka ka2023 ngeCawa, lombutho uchaze ukuba iinkqubo zalo mbutho zohlulakele kuzo zonke iindawo ezilingwe kuzo.
Inkokheli yalombutho eyonyulwe ityeli lesibini njengo sihlalo webhunga elongameleyo kulombutho uHelen Zille uthe, iDA imele ukuphikisana nazo zonke izinto ezimelwe ngumbutho weEFF.
“Simele inkululeko engacaluli ngokwebala, sihlonipha ingalo yomthetho ngokumiliselwa ngumgaqo siseko weli, kunye noqoqosho oluzinzileyo oluzakuxhamlisa nabantu abahlelekileyo.
“Akukho mntu ukholelwa ukuba uJulius Malema unawo amandla okuphumelela apho zonke inzame zakhe zokusebenzisa ucalu calulo ngokwebala kungakhange kubuye naziphumo ziphumelelayo,” utshilo.
UZille wongeze ngelithi,”Imigaqo nkqubo yombutho weANC kunye nendlela osebenza ngayo lombutho uzakulithatha eli ulibuyisele emva, kwaye oku akulunganga.”
Lo mbutho uphucule izicwangciso ozakusebenza ngazo ukuya kunyulo luka zwelonke. Balahlekelwa ngabavoti kunyaka ophelileyo emva kokutshintsha indlela yokwenza izinto kuba befuna ukutsala abavoti abamnyama.
Ngethuba esothula intetho yokwamkela isikhundla sakhe, inkokheli ephinde yonyulwa kwakhona ukongamela umbutho weDA uJohn SteenHuisen uthe ukusukela ngonyaka ka2019 basebenzela ukuqinisa ulawulo, nokulungisa lombutho ukuze ukwazi ukubuyela kwimpumelelo yawo.
“Sibebenzise elixesha ukuvuselela intsebenziswano yangaphakathi, ingqeqesho, iindlela zokusebenza kunye nemigaqo nkqubo,” utshilo.
UGqr Mpho Phalatse osebenze kwisigaba sephondo kwezopolitiko uchazwe njengomntu ozithembe kakhulu ukuba afune ukuzigqatsela isihlalo sika Steenhuisen.
UPhalatse uthe akakholelwa ukuba uhambe wagabadela, kuba sele esebenze kulombutho iminyaka esibhozo yonke.
Uzigalele amanzi izityholo zokuba uzakushiya kulombutho azimanye nombutho iActionSA.
Usihlalo walombutho uIvan Meyer uphinde wonyulwa kwakhona kwisikhundla sakhe.
Gqr Dion George naye uphinde wonyulwa kwakhona njengonondyebo walombutho.
Oosekela sihlalo:
Owokuqala: Ngu JP Smith
Owesibini: Ngu Solly Malatsu
Owesithathu: Ngu Anton Bredell
Amalungu angosekela sihlalo bebhunga elongameleyo:
Owokuqala: Ngu Ashor Sarupen
Owesibini: Ngu Annelie Lotriet
Owesithathu: Ngu Thomas Walters
ULungile Phinyane obesaziwa kwezopolitiko ngaphambi kokuba angene agabadele nalapho angadingeki khona, ngokuzigqatsela zozithandathu izihlalo zamalungu aphezulu kulombutho, uphume kulenkomfa eze, engaphathanga nto esandleni.
UPhinyane uthe uzakuqhubeka esebenzela lombutho kwikomiti zolutsha namanina.
Uzakuphinde azigqatse kwakhona kwinkomfa yonyulo elandelayo.
Umfanekiso ongasentla: Ngu John Steenhuisen
Imvelaphi yomfanekiso: Doreen Makgolo