ISundowns ayikaphumi ebunzimeni okwangoku – esi sisiqalo sobunzima

Ngu Micheal Madyirha

Emva kokuhamba mthebelele ukuthatha indebe yePremier Soccer League kunye nokufikelela kwisigaba semidlalo yesithathu eyandulela amagqibela kankqoyio kwiCAF Champions League, iMamelodi Sundowns ayikafikeleli kwintsuku zencindi yobusi. 

Eli lelona xesha libonakalise ubunzima kubo kwiminyaka edlulileyo. 

Iqela leSundowns liqinisekisiw ukuba lizintshatsheli zePSL lingakhange linge kwasebaleni ngeCawe.  

Baphinde bagqiba besencochoyini kwiqela lika Group B kukhuphiswano lweChampions league, liphinfde lakwazi ukuba lingene kwisig=baba samaqela asibhozo okugqibela, linemidlalo emibini elingekayidlali. 

Samsung Galaxy 14G

Bekuyimisdlalo nje apho belizihambeli iqela le Brazillians kuwo omabini lamacala, kodwa bafikelele kwesona sigaba sinzima sale ssesisini. 

Kuleminyaka mithathu idlulileyo, iSudowns iibizifumanisa ikhutshwa kwisigaba semidlalo emithatha eyandulela amagqibela kankqoyi, ekusisigaba esele befikelele kuso kwakhona.  

Umqeqeshi uRhulani Mokwena uyayiqonda into ebalindeleyo kwaye umemelela ukuba abantu bathobe izibilini, njengoko abadlali bakhe bethelekiswa nabadlali bonyaka ka2016 abathatha indebe yentshatsheli zaseAfrika. 

“Ukuba ujionga kakuhke kweliqela, uzakufumanisa ukuba iqela ngalinye ukuba kidlale amatyeli angaphantsi kwamakhulu amabini kukhuphiswano weChampions League lidityanisiwe,” uxelele amaqinga eendaba uMokwena.   

“Uzakufumanisa ukuba uninzi lwabadlali badlala umdlo wabo wokuqala weChampions League bephantsi koxinzelelo lokuba kufuneka bephumelele. Lo ngumdlo wokuqala weChampions League kuRowan [Williams]. 

“Sino Neo Maema ubethathe inxaxheba kwisizini ephelileyo, kodwa ngokuuqalisa imidlalo emikhulu noxanduxa olongezelelweyo. Ukhona noMarcelo Allende no Cassius Mailula abadlala okokuqala. 

“Sifikelela kwinqanaba apho kufuneka sibonakalise inkathalo nokubalinda abadlali bethu kuba baliqela elibonakalisa ukuba bazakuba lulutho, bayathembisa.” 

Kubadlali ababedlala ngo 2016 iSundowns iseno Themba Zwane, kunye nonozinti ababini uDenis Onyango kunye noKennedy Mweene. 

UThapelo wazibandakanya neqela laMasandawana kwangalanyaka esuka kwiqela iBloemfontein Celtic, kodwa wayengabhaliswanga ukudlala imidlao yeChampions League, ngelixa uBongano Zungu washiya phakathi kolukhuphiswano lwaseAfrika esingise ePortugal. 

“Eli liqela labadlali ekufuneka banikwe amathuba ngokulinganayo ukuze bakwazi ukuzibonakalisa, bashicilele imvelaphi yabo kwaye benze ilifa labo kweliqela,” utshilo uMokwena.  

“Ngokufanayo neqela elaphumelela iChampions League, ngaphambi kokuba bayifumane andisakwazi nokukhumbula ukuba sazama amatyeli amangaphi.  

“Nikani eliqela iqesha eloneleyo kunye nenkxaso yokuba bakwazi ukudlalo umdlalo wabo, ndiyakholelwa ukuba eliqela lizakude liyiphumelele iChampions League.” 

Amasandawana azokwazi ngoLwesithathu ukuba azakuqubisana leliphi iqela kwimidlalo ye Quarter-final. 

Umfanekiso ongasentla: Umbhoyozo wabadlali beqela iMamelodi Sundonwans. 

Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns