IDA ithathe inyathelo elizakusindisa umbutho weANC

Ngu Zukile Majova

Ukonyula iinkokheli zebala zodwa ukuba zithathe umbutho weDA ziwuse kunyulo lonyaka ozayo, ingaba lelona nyathelo linokusindisa iANC kuloyiso obelusemnyango.  

Umbutho weANC ubusele ukulungele ukuvuma ukuba unyulo lonyaka ozayo luzakuba nzima. 

Kwinkomfa yonyulo yeANC ngenyanga yoMnga kunyaka ka2022, lombutho wathi ujamelene nokungafunwa ngabavoti abaselula kubantu abamnyama, ngelixa ukholelwa ukuba uninzi lwabasebenzi alusafuni kuthatha nxaxheba kulonyulo kutsha nje.  

Zonke iimpawu bezibonakalisa ukuba umbutho olawulayo uzakufumana iivoti ezingaphantsi komyinge wamashumi amahlanu kuvoto lukazwelonke okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu. 

Samsung Galaxy 14G

Oku bekuzakuba ziziphumo zolawulo oluzinzileyo lombutho weDA eKapa naseNtshona Koloni, elona phondo livula amathuba emisebenzi emaninzi kunawo onke amanye amaphondo edityanisiwe. 

Kodwa inyathelo lombutho weDA lokungafuni zinkokheli zomgquba, kungawunceda umbutho weANC ubeneziphumo ezingcono kunezo bezicingeleka.  

Inkokheli yebala lomgquba esuka eTshwane ibizigqatse kwizikhundla ezintathu, kodwa ibekelwe bucala kuzo zonke ezozikhundla.  

UGqr Mpho Phalatse, obesakuba nguSodolophu woMasipala waseJohannesburg okwazileyo ukulawula ngempumelelo ngokusebenzisana nemibutho emincinci kwesasixeko, ukhatywe kwaphela ngumbutho weDA.  

Amanye amalungu adize ihlebo lokuba ufumene iivoti ezikumyinge ka12% kuphela emva kokuzigqatsela isihlalo senkokheli eyongameleyo kulombutho uJohn Steenhuisen. 

Lo ngumbutho ozibona uphumelela umyinge ongaphezu kuka 30% wevoti, ulindele ukonyuka ngomyinge ongaphezu kuka10% usuka ku20.7% kunyulo lukawonke wonke oludlulileyo. 

Inkokheli ephinde yonyulwa kwakhona njengosihlalo webhunga elongameleyo kumbutho weDa uHelen Zille, umile kwelokuba abavoti bajonga kakhulu ukuhanjiswa kweenkonzo ngaphezu kwebala lolusu.  

UZille akophulwa moya kukuba abavoti abamnyama bangaphelelwa lithemba kumbutho wakhe emva kokubona iinkokheli ezimnyama ezifana noHerman Mashaba, uMmusi Maimane, uPhumzile van Damme, uMbali Ntuli kunye noLindiwe Mazibuko beshiya kulombutho.  

“Kwikota yokugqibela kunyaka ophelileyo, ngamathuba emisebenzi afikelele ku169 000 athe avuleka kuMzantsi Afrika uphela, ukanti amathuba afikele ku167 000 ebefumaneka kwiphondo elinye, eliyiNtshona Kapa. Nalapho ibengamathuba angamawaka amabini kuphela kuwo onke amanye amaphondo asibhozo alawulwa ngumbutho weANC.  

“Oku kufanelekile ukuba kubaxelele abavoti nabantu abangaphangeliyo ukuba ngowuphi umbutho okwaziyo ukulawula ngcono,” utshilo emva kwalenkomfa. 

Kodwa intshisakalo yombutho weDA, kumfiliba kakhulu ukuba izakuphumelela ngephulo elikhokhelwe ngamadoda ebala. 

Ngokwenkcukacha zoluntu zeStats SA, amanina amele umyinge ka51% yoluntu lonke lomzantsi Afrika, kodwa akukho nomnye umntu omnyama obhinqileyo kwinkokheli eziphezulu zombutho weDA. Akukho makhaladi okanye amaNdia okanye nje amanina.  

Abemi beli abangaphezu kwezigidi ezingamashumi amabini anesihlanu bathetha isiZulu nesiXhosa, ezona lwimi ekuzofuneka iinkokheli zeDa zikwazi ukuzithetha xa zingena umzi nomzi zigaya ivoti kumakhaya eli.  

Njengoko uqukumbela inkomfa yawo, lombutho ukholelwa ukuba wonyule umntu okungenzeka abe ngumongameli weli olandelayo, ukuba nje ulawulo lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo lulo oluzaku fumana umtyhi kunyaka ozayo.  

Indoda yomlungu, engenalwazi lokulawula kuquka nomasipala omncinane kwidolophana encinci, kwaye akanalo nofifi lwelwimi zesinguni? ingaba ayikokuzikhohlisa oku? 

Nokuba zithini na izono zombutho oneminyaka elikhulu elineshumi, lombutho uzakukhokhelwa ngumomgameli uCyril Ramaphosa, indoda enolwazi neyingangalala kwezopolitiko zoMzantsi Afrika kunye namashishini abucala.  

URamaphosa wakhethwa nguNelson Mandela ngesiqu ukuba abengumongameli olandelayo kwilizwe loMzantsi Afrika, kwaye wenze umsebenzi oncomekayo ukuhlangula eli kwibholo lokwebiwa kwemali yombuso engaphezu kweR1 trillion eyaphinda yasetyenziswa ngendlela engafanelekanga kwiminyaka elithoba eyahambela nje.  

UZille yena unyanisile- lento ayikho malunga nebala lolusu. Imalunga nokuthembeka. Yilonto kanye ke umbutho weDA ongayiqondiyo.