Kusekude ekubeni iBafana Bafana ibe ziintshatsheli 

Ixesha elongezelelweyo: IBafana Bafana iya kwimidlalo elandelayo yeAfrica Cup of Nations – kodwa ungakhawulezi ubhiyoze okwangoku, kubhala uMicheal Madyirha. 

Usebenzile umqeqeshi uHugo Broos namadoda akhe. Wenze kakuhle; yilento kudala ifunwa nguMzantsi Afrika kuwe.  

Balandeli beBafana Bafana kungenxzeka nje ukuba bave kabuhkungu  ukusukela ngolwesihlanu weveki ephelileyo ukuza kutshio ngenjikalanga yangoLwesibini, kodwa ayisabalulekanga kwaphela lonto ngoku.  

Okubalulekileyo kukuba eliqela lizakubase Ivory Coast. 

Ekuqaleni, umqeqeshi waseBelgium ubecele ukuba “abulawe” ukuba iBafana Bafana yohlulekile ukufikelela kwisigaba sokudlalela ukuphuma kwi Afcon.  

NgoLwesihlanu odlulileyo ngethiuba iqela lakhe libambene ngamanqaku abanini macala neqela lase Liberia kumdlalo obubanjelwe eOrlando Stadium, intloko yakhe ibisemngciphekweni wokuqhawulwa. 

Lomqeqeshi ubesaya kukhokhela iCameroon ubukele iqela lakhe lilahla amathuba okuba lihambe phambile ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova.  

UBross ubenomsindo wokuba abafana bakhe abanamfutho phambile.  

Ibilibali elinye elidala lokuba bafana bakhe bangaphambile baphosa amathuba, njengoko ubeke wadlula kuyo lendaba ngaphambi kokuba baqubisane neLiberia kumdlalo wabo njengoko bebevela eMonrovia.  

Kuyo yonke imidlao ukusukela kumdlalo wokuqala ebambe intambo kwiqela leBafana Bafana lidala ne Uganda ngomhla weshumi kwinyanga yeSilimela ngo20121, uBroos ukhalaza ngaBafana bakhe abangena mfutho xakufuneka befakle amanqaku.  

Ikwayile ngxaki inye esaqhuba kweliqela, kwaye yenza kubenzima kumqeqeshi ukuba akwazi ukubona iindawo apho anokuthi bakwazi ukunyusa umxakatho.  

Kwa indlela abadlale ngayio ukuze bafumane impumelelo yamanqaku amabini kwelinye eMonrovia ngolwesibini.  

Oku khange kwenzekla ngendlela eqaqambileyo, kwaye ukudlala kwabo khange kubonakalise ukuba eliqela lifuna ukuqhuba lidlala ngendlela ephucukileyo.  

IBafana Bafana isekude kakhulu ukufikelela kwiqela uBroos aphupha ukuba libe lilo.  

Ingaba bangakwazi ukufikelel kwiqela labadlali abaphumelela iAfcon ngonyaka ka1996, okanye ke bafiukelele kwabo bafikela kumdlao wamagqibela kankqoyi ngonyaka ka1998? 

Okwangoku, ikhangeleka ngathi sesona sicelo sikhulu esi, kwaye basekude kakhulu ukufukelela kwinqanaba lababadlali babonakalisa impumelelo.  

Umfanekiso ongasentla: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos 

Imvelaphi yomfanekiso: Usuka kwiqela leBafana Bafana