
Ngu Buziwe Nocuze
Indoda yakwaLanga eKapa ibanga ngelithi linyhashiwe ilungelo layo lokuvula ityala ngakubahlaseli bayo.
Ixhoba elicele ukuba lingadizwa, kurhaneleka ukuba labethwa ngabahlobo balo emva kokungavisisani ngotywala.
Wavuka esibhedlele enobuso obudumbileyo, kwaye engasakhumbuli ngokuhlaselwa kwakhe.
Kuba efuna ubulungisa, waya kwisikhululo samapolisa kwaLanga eyovula ityala ngakubahlaseli bakhe. Kodwa ubanga ngelithi ipolisa kwesisikhululo khange limnike ilungelo lakhe, kuba livele lambuza malunga nemeko yokuba akanxilanga na kwaye lacebisa ukuba azenomntu amsolayo ukuze kusonjululwe lengxaki.
“Bendothuke kakhulu ukuba ipolisa liyiqala ngaphi into yokunika ingcebiso eloluhlobo, libona ukuba ubuso bam budumbile kwaye andikwazi nokuthetha kakuhle,” litshilo ixhoba.
Uthe ukholelwa into yokuba uba amapolisa ebewenzile umsebenzi wawo ngendlela efanelekileyo, ubengazujamelana nokuba kuhlekiswe ngaye ngabahlaseli bakhe, uthe bayam ndlandlathekisa.
“Ndinqwenela ukuba amalungu enkonzo yesipolisa awuthathele ingqalelo umsebenzi wawo. Uninzi lwamaxhoba awavuli matyala, ngenxa yempatho mbi ayifumana emapoliseni,” utshilo.
Amamapolisa ngokunyanzeliswa ngumthetho, alindeleke ukuba ancedise amaxhoba ukuvula amatyala ngakubantu ababaphatha gadalala.
Isithethi samapolisa kwiphondo leNtshona Kapa uCaptain Frederick van Wyk uthe kuzakuthathwa amanyathelo afanelekileyo ukuba ezizityholo zinaso isihlala.
“Ixhoba eli likhuthazwa ukuba lifake isikhalazo nabaphathi besikhululo okanye i-IPID ukuze izityholo anazo ziphandwe,” utshilo uVan Wyk.
Umfanekiso ongasentla: Isikhululo samapolisa iLanga
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze.