
Ngu Zukile Majova
UGqr Mpho Phalatse unamandla amangalisayo.
Nokuba ngubani owayembukele elwisana neendlobongela zombutho weANC kwidabi lokulwela ulawulo lomasipala ombaxa waseJohannesburg oxabisa iR87 billion, ngeba wayibona italente anayo.
Nangona kukhona amatyeli aliqela apho umbutho weANC wawuzama ukujongela phantsi iinzame zakhe, uPhalatse wakwazi ukukhokhela iqela lolawulo lwamaqela amancinci akholelwa kumbono wakhe.
Wamilisela izicwangciso ezomeleleyo zokunciphisa iziphumo zikacimi-cimi wombane kumashishini elona ziko likhulu loshishino kweli.
Iqumrhu lamalungu ombutho weANC abangumqobo owabangela ukuba singaphumeleli isicelo sakhe semalimboleko yeR2 billion eyayizakusetyenziswa ukuzinzisa izimali zalomasipala ukuze kuqhutywe neendlela zokuhlumisa uqoqosho.
Kodwa, kwaphinda kwaba liqela elikhokhelwe ngumbutho weANC elabhengeza izicwangciso zokuphumelela kwesicelo semali mboleko eyi R2 billion emva kokuba lisuse uPhalatse kwisihlalo sikasodolophu walomasipala.
Kwinyanga nje ezimbini emva kokuhamba kwakhe, esisixeko siqalise inkqubo yokucinywa kwamanzi kwiilokishi ezininzi nangona amadama amanzi ezele eme ngeembambo.
Usodolophu omtsha uTaphelo Amad uxelele intlanganiso namaqonga eendaba ukuba akazi noba yiRand Water okanye iJohannesburg Water ebangele okukuncitshiswa konikezelo lwamanzi.
Okungenani, ziloli ezingamashumi amabini anesibhozo ezihamba hamba kwiilokishi zesisixeko zinikezela amanzi kubahlali abangenamanzi kodwa behlawula iindleko zikamasipala.
NgoLwesithathu isebe lezempilo libhengeze ukuqhambuka kwesifo sotyatyazo kwesisixeko nalapho abantu abalishumi sele befunyaniswe benesisifo.
Abahlali besixeko saseJohannesburg abangaphezu kwezigidi ezintandathu balahlekelwa lukhulu ngethuba iqela lolawulo elalikhokhelwe nguPhalatse lidliwa liqela lolawulo elikhokhelwe yiANC neEFF.
Kodwa akufanelanga ukuba uMzantsi Afrika wonke ulahlekelwe nguye.
Uyile nto kanye idingwa ngumbutho weDA, ukuthatha intliziyo zezigidi zabavoti abamnyama abakwisigaba esiphakathi ngokwezoqoqosho njengoko kujongwe unyulo lonyaka ka2024.
Ikamva lakhe kulombutho liqala kulempela veki, njengoko ezakuqubisana nenkokheli yeliqela uJohn Steenhuisen begqatsela isikhundla senkokheli yalombutho iDA Federal Leader.
USteenhuisem wangena ezihlangwini zika Maimane emva kolonyulo lonyaka ka2019, apho lombutho walahlekelwa zivoti okokuqala wehla wayakutsho kumyinge ka20.7% usuka ku22.23%.
Kodwa inkwenkwe yommandla waMantla eTheku ayikufutshane kuPhalatse ngokuthandwa luluntu olungabavoti, njengoko kujongwe kunyulo olubaluleke ngakumbi kulandela uvoto lonyaka ka1994.
Lombutho uphikisayo unamathuba aphangaleleyo ukuba ukwazi ukunciphisa ulawulo lombutho weANC ngokwabavoti lubethe ngaphantsi komyinge wamashumi amahlanu evoti kumaphondo afana naseRhawutini neKwaZulu-Natal.
Umbutho weDA ukhethe ukungazigqatsi ngoPhalatse nakwelinye iphulo lawo lokugaya ivoti.
Ukuba lombutho uyaqhuba nokumbekela bucala, kungenzeka balahlekelwe kunye uthathwe yimibutho efana neActionSA, edinga umntu onesikhokhelo esifana nesakhe ukuba akwazi ukudibanisa enze luqilima iphulo labo lokugaya ivoti.
Ukuba ushiyile kulombutho, uzakulandela ekhondweni loluhlu olude lwenkokheli ezaziwayo ezimnyama kweli ezalahla phantsi kumbutho weDA, kuquka uLindiwe Mazibuko, uHerman Mashaba, uMmusi Maimane, uPhumzile van Damme, uMbali Ntuli, uMakashule Gana kunye noBongani Baloyi.
Kodwa akukho nomnye kubo ozakukhunjulwa njengoGqirha waseJoburg ukuba nje ukhethe ukushiya lombutho.