Igqwetha lobuxoki lizenze umfowabo ongasekhoyo 

Ngu Everson Luhanga

Indoda ebanjwe kwinkundla kamantyi eBethal kwiveki ephelileyo uDoctor Sobetha obetyholwa ngokuzenza igqwetha lobuxoki, kutyholwa ukuba wazama ukufumana inzuzo kwinkampani yabangcwabi ngokungekho mthethweni emva kokusweleka ngendlela engaqondakaliyo komfowabo oliwele lakhe.    

Usapho lwalendoda luxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uSobetha wazama ukufumana inzuzo kwipolisi yokungcwaba iwele lakhe, uTeacher Professor Matshila osweleke ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yoMnga. Wafunyanwa eswelekile kwisiza sokungcwaba ngaphakathi kwimoto etshisiweyo. 

Lamawele ebenefani ezohlukeneyo njengoko omnye kubo ethathe ifani yomzali owohlukileyo. 

Emva kweentsuku ezilishumi elinanye eswelekile umfowabo, uDoctor watsalela umnxeba inkampani awayene polisi yomngcwabo kuyo ubhuti wakhe ezama ukuzenza umfowabo kwaye efuna ukutshintsha inkcukacha ezithile ukuze ibe nguye ozakufumana intlawulo.  

Uphando malunga nokusweleka kukaTeacher lusaqhuba. Akukho mntu sele ebanjiwe kwaye usapho lwakhe lulindele iimpendulo malunga nokuba wasweleka njani.  

UDoctor wabanjwa kwaye wavalwa yinkampani yepolisi yomngcwabo ngokuzama ukukwenza ubuqhophololo afumane imali efikelele kuR55,000 ngokungekho mthethweni.  

Ubanjwe ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoKwimdla ngokuzenza igqwetha elingekho mthethweni kwinkundla kamantyi iBethal eMpumalanga.  

Ubemele uMhlabuyaxega Mntungwa  oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe obekwa ityala lokubulala lowo wayengumanejala wenkampani iSam Holdings uNkosinathi Emmanuel Ngcobo, owadutyulwa wabulawa ngonyaka ka2019. 

Usapho lwakhe kuxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lothukile ukuva ngokubotshwa kwakhe.  

Bathe bothukile ukuva ukuba uDoctor ubonise amapolisa isatifiketi sebanga leshumi ngexesha lokubanjwa kwakhe. Bathe wazama ukufunda kodwa wayeka phakathi kwibanga lesibhozo.  

Usapho luthe khange liwakholelwa amarhe afikelela kubo, okuba uSobetha wayevela kwinkundla ezohlukeneyo eTembisa ePitoli naseMpumalanga enxibe izinxibo zamagqwetha.  

“Sasicinga maxawambi uncedisa kwimisebenzi engacacanga enkundleni, ngethuba sisiva ukuba ubonwa khona, kuba sasisazi ukuba akafundanga.”  

UMNOMBO:  

  • UTeacher, owayeyi njineli yombane, washiya ikhaya emva kokufumana umnxeba ngomhla wamashumi amabini anethoba ngeyoMnga kunyaka ophelileyo eyekunceda usapho oluseMabopane ukubafakela izixhobo ezisebenzisa umbane.  
  • Ngomhla wamashumi amathathu kweyoMnga uDoctor utsalele usapho umnxeba ubabikela ngokusweleka kuka Teacher ofunyenwe eswelekile kwimoto yakhe etshisiweyo.  
  • UTeacher wangcwatywa ngomhla wesine kweyoKwindla ngonyaka ka2023. 
  • Ngomhla weshumi kweyomqungu uDoctor watsalela umnxeba inkampani yepolisi yokungcwaba ezenza uTeacher efuna ukutshintsha umntu ozakuba yindlalifa kwipolisi yakhe yomngcwabo, ukuze afumane imali ezakuncedisa usapho lungcwabe. 
  • Lenkampani yathumela amaphepha ekufuneka awagcwalise uDoctor.  
  • Ngaphandle kokujongisisa isiqinisekiso sokusweleka, okanye ajonge indlela ezenzeke ngayo izinto, uDoctor wathumela isiqinisekiso sokusweleka kuka Teacher kunye namaxwebhu awatyikityileyo njengobungqina ukuze kukhutshwe imali. 
  • Lenkampani yesiqinisekiso somngcwabo ibone zibekwa ukuba isiqinisekiso sokusweleka kukaTeacher sibonakalisa ukuba wasweleka ngomhla wamashumi amathathu kweyoMnga ngo nyaka ka2022 – kwintsuku ezilishumi elinanye ngaphambi kokuba uDoctor azenze lendoda iswelekileyo, ebatsalela umnxeba efuna ukutshintsha umntu ozakuxhamla. Ngaphandle kokuba uTeacher uvuke kwabafileyo watsala lomnxeba! 

Ngoku, usapho luthi luzakuvula ityala lobuqhophololo ngakwilungu lalo losapho, esele lihleli luselivalelweni ukuze atshutshiselwe namanye amatyala obuqhopholo.  

Isithethi sebutho lookhetshe uCaptain Dineo Lucy Sekgotodi uthe uSobetha uzakubuyela kwakhona kwinkundla kamantyi eBethal ngomhla wesithathi kwekaTshazimpuzi efaka isicelo sebheyile. 

Umfanekiso ongasentla: Intsalela zemoto ekwafunyaniswa kuyo uTeacher Professor Matshila eswelekile ngomhla wamashumi amathathi kweyomnga ngonyaka ka2022 eWinterveld eTshwane.  

Umfanekiso uthunyelwe lusapho